Abafundi babhaqe amaphepha abo engamakishwanga, bophula iifestile

Abafundi baseMsobomvu Senior Secondary bephethe amaphepha angamakishwanga Umfanekiso: Anele Raziya

Ziintsuku zimbini kungafundwa kwisikolo samabanga aphezulu, iMsobomvu Senior Secondary School, kwilokishi yaseMsobomvu eGcuwa.

Unobangela woku ngabafundi abaqhankqalazela ukungabikho kootitshatala esikolweni.

Abafundi batyhola ngokungabikho kootitshala abafundisa iGeography, Life Science kunye neHistory.

Namhlanje abafundi baqhubile noqhankqalazo lwabo abaluqale ngoLwesihlanu bophula iifestile zesikolo kwaye bophula nefestile yangaphambile kwimoto yenqununu yesikolo.

Kwizityholo zabafundi kukho namabango athi amaphepha wabo ovavanyo ebakala le-10 kunye nele-11 khange amakishwe kunyaka ophelileyo nto leyo ebangele uninzi lwabafundi lungapasi.

“Amaphepha wethu wovavanyo aphakathi enyakeni kunye nawasekupheleni konyaka siwabone emgqomeni engamakishwanga, sabuza kwinqununu, ayasiphendula!” kutsho umfundi ongafunanga lichazwe igama lakhe.

Uqhube wathi basazibuza umbuzo wokuba abafundi abapasileyo bapase njani xa kukho amaphepha angamakishwanga.

Ukwathi sele kuhambe ootitshala abathathu esikolweni kwaye azikavalwa ezozithuba.

Inqununu yesikolo, uMxolisi Magaba, uvumile ngokwenene ukuba bakhona ootitshala abathathu abahambileyo esikolweni, kodwa wathi indawo yabo bahambileyo izakuvalwa ngutitshala omnye njengoko inani labo belihleli lingaphezulu ngokomlinganiselo wesebe.

“Ngokomlinganiselo wesebe bekumele ukuba sinootitshala abayi-27 kodwa besingaphezulu apho phambi kokuba kuhambe abatitshala bathathu,” utshilo uMagaba.

Ukwathe banelungelo lokuba baqeshe utitshala weHistory kuphela, kwezinye izithuba bazakuhlenga-hlengisa kwalapha kubo ukuze bancedisane ngomsebenzi.

Izityholo zokungamakishwa kwamaphepha uthi zimothusile uMagaba, kwaye uye wamemelela kumfundi ngamnye ukuba aze nephepha lakhe alibone emgqomeni, kuba ufuna ukwenza uphando olunzulu.

ISebe lezemfundo ephondweni lithi okwangoku awukafiki umba woqhankqalazo lwabafundi baseMsobomvu Senior Secondary School kwaye lizama ukuthetha nesebe kwisithili saseGcuwa.

Isithethi samapolisa aseGcuwa kunye neziphaluka, uKhapteni Jackson Manatha, uthi akukho mntu ubanjiweyo kwaye akukho tyala livuliweyo okwangoku.