Uneminqweno emihle umqeqeshi weWalter Sisulu University

Umqeqeshi weWalter Sisulu University uMoses Khenyeza ephakathi kwabadlali bakhe emva kobethwa yiFuture Tigers ngo1-0 eBika eGcuwa ngoMgqibelo. Umfanekiso: Anele Raziya

Umqeqeshi weWalter Sisulu University, uMoses “Skhephe” Khenyeza, uthi ufuna ukuvala isizini ka-2016/17 kwi-ABC Motsepe League iqela lakhe liphakathi kwamahlanu aphala phambili.

UKhenyeza ukuthethe oku emva kokuba iWSU ibuyise isindima sayo ngokubetha iSwartkops Valley United Brothers ngo’4-1 kwibala laseGcuwa kwiveki ephelileyo. Kumdlalo obuphambi kwalo abafana bakaSkhephe babethwa kabuhlungu yiTornado FC ngo’6-1 eSisa Dukashe eMdantsane. Kodwa ngoku uKhenyeza uthi abadlali bakhe bafundile kwimpazamo zabo emva kokubuyisa isindima sabo.

“Kumdlalo weTornado sabethwa kukungabikho kwabadlali esiqhele ukubasebenzisa, lo nto yenza asadlala umdlalo wethu ncakasana,” utshilo uSkhephe.

Lo mdlalo weSUBS uthi ufike bephelele abadlali nto leyo ebanike amandla. Abadlali beWSU bawulawule iziqingatha zozibini umdlalo kwaye badala amathuba acacile,kodwa bafake amagowuli amane kuphela kwiintaphane yamathuba.

“Isengumceli-mngeni kubadlali bam into yokusebenzisa amathuba acacileyo,kuba kwimidlalo esidlale ntanganye nesibethwe kuyo, saphosa amathuba” utshilo uSkhephe.

Abadlali bakhe uKhenyeza badlala umdlalo odibeneyo ngoku kwaye banikelana kakuhle ibhola nto leyo athi ibanika ithuba elihle lokubetha amaqela. Lo mqeqeshi ufike abafundi behleli phezu kwamaqela amane asemsileni kuluhlu lwamaqela eMotsepe League kodwa wabanyusa wazokubabeka kwindawo yethoba ngamanqaku angamashumi amabini anesithathu emva kwemidlalo elishumi elinethoba.

UKhenyeza, owayengunozinti weKaizer Chiefs kwiminyaka eyadlulayo, uthi ufuna oqela lakhe liphethe le sizini liphakathi kwamaqela amahlanu phambili kwi-ABC Motsepe League ukuze kubelula (kuye) ucwangcisela isizini elandelayo.