Ngooding’indawo oosozoso baseBizana

Odlalisa ngezihlunu. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Oosozoso baseBizana ayibonwabisanga konke konke imeko embi abazilolongela phantsi kwayo.

Kodwa eyona nto eyenza izinto zibembi ngakumbi, kukungaxhaswa ngumasipala nangona bengabadlali bale ndawo, benethuba elide bekhona futhi bezibonakalisa kwiindawo ezikude.

La matyendyana adume ngokuvoca-voca izihlunu, aphalaze intlungu yawo kweli phephandaba, athe atsho akazi nokuba kufuneka enze ntoni ukuze ancedwe ngumasipala.

Aba sozoso bafuna kakhulu indawo ephangaleleyo abanokuthi baziqeqeshele kuyo ngokuba le bayisebenzisayo incinci, futhi baxhwarhile nje kuyo kuba beyibolekiwe.

La madoda angena kwindlu ezincinane eMafumbatha Stadium ezilungiselelwe abantu bebhola – kodwa akhutshwa nalapho ngenxa yolungiso athi umasipala luzakuqhubekeka. Akukho ndawo umasipala abanike yona yethutyana njengabantu abaziwayo. Lo nto ibaphethe kakubi kakhulu aba badlali, ngokuba baphazamiseka kakhulu kwinkqubo yabo yokudlala kukungabinayo indawo.

Lo mdlalo woosozoso ukhula kakhulu eBizana, kangangokuba uMandla Msongelwa usuka eSpain – apho wakhuphisana khona nezidlakela zehlabathi ezidlala ngezihlunu.

Nangona kukho lo nkqubela – kodwa iinkokeli zikamasipala zenza ngathi aziboni. Ukungabikho kwendawo elungiselelwe lo mdlalo kunyanzela abadlali ukuba babezintsalu kuba bekhangela iindawo ezinokuba nceda. I’solezwe lesiXhosa lithethe noceba ogama linguMnu. Johanis Valiko ngale ngxaki yala madoda.

Uthe akabazi aba bafana ngokuba zange bathethe nto kuye – kodwa uphinde wathi indawo uyayazi futhi uyangena kuyo.

“Ndiyaya, le ndawo bazilolongela kuyo ndiyayazi – kodwa zange bathetha kum. Le ndawo yabo besixoxile ngayo siyikomiti yophuhliso, izakulungiswa kodwa silinde kubekho imali. Bendingazi ukuba bakhutshiwe kula ndawo – kodwa ndingatsho ukuba bazakufakwa endaweni,” utshilo uceba.