UMhango uyithunukile kwakhona iPirates!

Gabadinho Mhango of Bidvest Wits celebrates a goal with teammates during the Absa Premiership match between Orlando Pirates and Bidvest Wits on 15 February 2017 at Orlando Stadium ©Sydney Mahlangu/BackpagePix

IBidvest Wits ithe ngcu phezulu kwi-Absa Premier Soccer League emva kokuphumelela umdlalo obalulekileyo. Eli qela laseGoli libethe i-Orlando Pirates etsala nzima ngo’2-1 kumdlalo obubanjelwe e-Orlando Stadium ngobu busuku banamhlanje.

Nangona uGavin Hunt eye kwesikaMabinzela enexhala lokuvuka kwePirates ebibethwe kakubi yiMamelodi Sundowns kwiveki ephelileyo – kodwa abadlali bakhe bazenze lula izinto ngokufaka amagowuli amabini kwisigaba sokuqala somdlalo.

Amagowuli weWits afakwe nguGabadinho Mhango obakhathaza kakhulu abanye abadlali. Oku kwenzeke emva kokuxikixwa kabuhlungu kwabadlali bePirates basemva yifolosi edlokovayo – uPhakamani Mahlambi.

La maqela abonisile ukuba ayafuna ukuwuphumelela lo mdlalo ngoba kwimizuzu elishumi yokuqala, omabini azamile ukunkqonkqoza ezimpondweni – kodwa abavuma oonozinti. Ohlulelene ngomdlalo ngoba iWits ibinamandla kwisigaba sokuqala, kanti yona iBucs ubuye ingcono kwesesibini. Noxa ingakwazanga ukugqoboza kudonga lweWits – kodwa ilifumene igowuli lobika elifakwe nguHappy Jele.

AmaBhakaniya agqejwe iduma olungophiyo ngethuba usompempe ekhupha unozinti, uJackson Mabokgwane, ngekhadi elibomvu emva kokunqanda ibhola ngesandla engapahandle komhlaba wakhe. UJele nguye othathe indawo kanozinti kwade kwaphela umdlalo. Imeko yePirates ayiguqukanga – kwaye izakujongana nenye ingxaki xa idibana neCape Town City kumdlalo ozakube useCape Town Stadium ebusuku ngoMgqibelo.

Pirates: 16. Mabokgwane, 2. Gcaba, 4. Jele, 8. Matlaba, 36. Van Heerden, 45. Mobara, 20. Manyisa, 29. Lorch, 11.. Memela, 35. Wome, 7. Ndoro.

Wits: 1. Keet (GK), 2. Allie, 3. Hlatshwayo, 7. Klate, 8. Monare, 13. Hlanti, 15. Mkhwanazi, 17. Mhango, 26. Scott, 27. Mhalambi, 28. Keene.