UTinkler noManyama bazuze amawonga enyanga

Ukapteni weCape Town City, uLebogang Manyama nomqeqeshi wakhe u-Eric Tinkler, ngethuba bewongwa yiPSL namhlanje eGoli. Umfanekiso: BackpagePix

Umqeqeshi weCape Town City, u-Eric Tinkler, ufumene iwongwa lokuba ngoyena mqeqeshi othe waqaqamba kwinyanga yokugqibela ku’2016. akuphelelanga apho ngoba uKapteni wakhe, uLebogang Manyama, yena uthiwe jize ngewonga lomdlali wenyanga ngokufanayo noTinkler. Umsitho wala mawonga ububanjelwe kwii-ofisi zePremier Soccer League namhlanje eGoli. Kwiinyanga ezintathu zokugqibela kunyaka ophelileyo, uManyama ufake amagowuli asixhenxe – lo nto yamenza yangomnye wabadlali abanamagowuli amaninzi kwiPSL emva kukaTendai Ndoro we-Orlando Pirates.

Umqeqeshi weCitizens, uTinkler, uxelele iintatheli ngeyona ndlela asebenza ngayo neyenza iqela lakhe libe kwisimo elikuso ngoku. “Ndiyabavumela abadlali ukuba babe yingxenye yokuthathwa kwezigqibo ngendlela esidlala ngayo. Bendingamthandisisi uManyama kodwa lo nto itshintshile xa ndimqeqesha, udlala ngokuzimisela nangaphandle kokoyika. Ungumdlali odlala kakuhle futhi unesikhokelo,” utshilo uTinkler.

Le ndedeba, eyayiqeqesha iPirates kwisizini ephelileyo, ithe ungakuvuyela ukubuyela kwiCaf Champions League emva kokuba iqela lakhe selifake engxoweni indebe yeTelkom Knockout.

UManyama uthe umqeqeshi wakhe (uTinkler) udlale ibhola kwinqanaba eliphezulu, lo nto yenza umahluko omkhulu. Ephendula ngembasa yomdlali wonyaka, uManyama uthe: “Ndiyabeva abantu bethetha ngayo – kodwa okwangoku ndigxile ekuncedeni iqela liphumelele iindebe.”

UStuart Baxter, umqeqeshi weSuperSport United, ukhethwe njengomqeqeshi weenyanga ezimbini (October, Novemmber) emva kokubeka aMatsatsantsa kumdlalo wamagqibela kangqoyi weTelkom Knockout nokwenza kakuhle kwi-Absa Premiership.