ICope ifuna athi gu bucala uLekota

Umbutho iCongress of the People (Cope) uthi umcele ukuba athi gu bucala uMosiuoa Lekota njengomongameli walo mbutho emva kwendibano ebibanjelwe eRhawutini ngempelaveki.

ICope ithabathe esi sigqibo emva “kwamatyeli aliqela” izama ukuthethana noLekota ukuba adlale indima njengenkokeli ngethuba lo mbutho uqalisa ukufeda nokudodobala ngenxa yento echazwa njengolawulo “olunobhutyubhutyu” othi lo mbutho beluqhutywa ngulo kaLekota.

Ilungu lekomiti embaxa kazwelonke kwiCope uPatrick Sikhutshi ungqinile ukuba ngenene incwadi ebonakalisa ukungamthembi uLekota iye yathiwa thaca kule ndibano.

“UMnumzana Lekota ebekhona kule ndibano ngethuba simxelela ukuba siswele ithemba ngakuye, futhi sifuna ukuba athi gu bucala sizokwazi ukubuyisa intembeko yamasebe ombutho wethu,” utshilo uSikhutshi, ilungu lale komiti yeCope.

Incwadi etyikitywe nguSikhutshi esekelwa nguDennis Bloem iboniwe liphephandaba I’solezwe. Le ncwadi idwelise amatyeli apho lo mbutho kubonakala ukuba kudala uzama ukuthetha nalo kaLekota ukuba ahlangule lo mbutho kulawulo oludodobalayo noluthe labangela ukuba iCope iqhube kakubi kakhulu kunyulo loomasipala nyakenye.

UBloem uthe unolwazi ngale ncwadi kodwa wala ukuphefumla ngokuqulathwe kuyo. Iinzame zokufumana ilizwi kuLekota ziwe phantsi nanjengoko umnxeba wakhe ukhale amatyeli ungaphendulwa.