iiLali zifumana iWIFI yasimahla

Zizikolo ezingaphezulu kwamashumi amabini namaziko empilo aliqela kummandla weO.R. Tambo esele zixhamle kwisigaba sokuqala senkqubo yokunikezelwa konxibelelwano lweWIFI yasimahla. Oku kudizwe ngusodolophu womasipala weO.R. Tambo uNomakhosazana Meth ngethuba ethetha noonondaba eFairfield, eMthatha izolo. 

Le nkqubo enezigaba ezibini inikezelwa ziinkampani ezimbini iUniversal Service and Access Agency of South Africa (USAASA) kunye neBrightwave. Iqale kunyaka ophelileyo kwaye ixabisa imali eyiR43 yezigidi zeerandi. I-USAASA ixhase ngemali eyiR20 yezigidi logama iBrightwave ixhase ngemali eyiR23 yezigidi zeerandi.

Umasipala weKSD kunye nomasipala waseMhlontlo kuphela koomasipala abazoxhamla phantsi kwalo masipala. Izikolo zasemaphandleni zijongene nengxaki yokungakwazi kusebenzisa ubuchwephetshe bale mihla ngenxa yokungabikho kweintanethi ezikolweni nakulamaziko empilo. Ngethuba esenza intetho yobume belizwe kunyaka ophelileyo, umongameli Jacob Zuma wadiza ukuba lo masipala wesithili ngomnye wabazoxhamla kule nkqubo yokuphucula unxibelelwano emaphandleni.

“Ubukho bolu nxibelelano lwasimahla luzonceda abafundi benze umsebenzi wesikolo simahla logama nabantu bezindawo bezoxhamla ngendlela ezahlukeneyo kuquka ukukhangela nemisebenzi. Amaziko empilo azokwazi ukujonga nokuphucula umgangatho weenkonzo kungaxhomekekwa kwizibhedlele ngobuchwephetshe. Abafundi bazokwazi ukusebenzisa amaziko obuchwephetshe balemihla,” utshilo uMeth.

Baliqela abantu esele befumene amathuba emisebenzi kulo mmandla kwaye basekhona abaqhuba uqeqesho nenkampani. Abantu abatsha bazokufundiswa indlela yokuvuselela le nkqubo ukuze ihlale isebenza. Ingqonyela kwinkampani enikwe lo msebenzi (USAASA), uLumko Mtimde, uthe bayavuya ukuba yinxalenye yalo msebenzi. UMtimde uthe, “ezona ndawo sijonge kuzo ngamandla zindawo ezingathathi ntweni ngenjongo zokunyusa uqoqosho. Sithetha nje kumaxhaphetshu kufakelwa intanethi yasimahla kwamanye amaziko empilo nezikolo. Isigaba sokuqala sizophela kwinyanga ezayo.” Ukwathe ngamakhulu ezikolo namaziko empilo asezakuxhamla kwisigaba sesibini sale nkqubo.

Inqununu yesikolo saseFairfield, uZukiswa Mbuku, uthi bebechitha imali eninzi bethenga idata rhoqo ngenyanga, ngaphambi kokusebenzisa ubuchwephetshe bale mihla. Uthi kungoku nje bazokwenza lula umsebenzi wesikolo benceda abafundi abangaphaya kwewaka namakhulu amabini.