ICameroon ziintshatsheli ezivunyiwe ze-Afrika!!!!!!

ICameroon ziintshatsheli ze-Afrika kwakhona emva kokulinda iminyaka elishumi elinesihlanu yonke. Igowuli elifakwe ngu-Aboubakar lilo eliqinisekise impumelelo phambi kokuphela komdlalo ephumelele kuwo iCameroon ngo’2-1 ibetha i-Egypt, eStade de Franceville, namhlanje ebusuku. Nangona ingamaYiphutha angcangcazelise umnatha kuqala – kodwa ekugqibeleni aphise ngawo umdlalo kwiCameroon ebonakele inxanelwe impumelelo kakhulu kwisigaba sesibini somdlalo. Idlale kakuhle kakhulu kule tumente iCameroon – kodwa ngenxa yamava abadlali be-Egypt abanawo, uninzi belucinga ukuba yiyo (i-Egypt) enethuba lokugoduka nale ndebe ibalulekileyo.

AmaYiphutha akaphozisanga maseko umdlalo usaqala, u-El Said uvuthulule imbumbulu yebhola ayifumene kugxa wakhe esiswini – kuye kwanyanzeleka asebenze u-Ondoa (unozinti) ngomzuzu wokuqala emdlalweni. Emva koko umdlalo uye wathi thimbilili okwexeshana – kodwa wabe ulawulwa yi-Egypt. Kuphele imizuzu emihlanu iCameroon idlalela emhlabeni wayo futhi ingakwazi ukungena kumhlaba weYiphutha.

Ngomzuzu wesithandathu abadlali-siswini beCameroon badibanise iibhola kakuhle esiswini, baya phambili bedlokova – kodwa ibhola yabo ibanjwe ngu-El Hadary ngaphandle kobunzima. Emva kokuba u-Ondoa ebambe ibhola ye-Egypt ebisuka ekoneni, iCameroon yenze ezinye iinzame – kodwa ibhola ibhabhe phezulu. Igowuli le-Egypt lifakwe nguM. Elneny emva kokunikelwa ibhola entle sisiququ esidlala esiswini uM. Salah, olinxele elihle kakhulu ebholeni ekhatywayo.

Kuye kwanyanzeleka iCameroon yenze utshintsho emva kokonzaka kukaTeikeu – oyena mdlali onamava kubadlali basemva kwiCameroon. Indawo yakhe ithathwe ngu-Aboubbakar.

Kutshintshwe amacala i-Egypt ihamba phambili ngo’1-0. Umdlalo uye watshintsha mpela kwisigaba sesibini ngoba iCameroon ifake uxinizelelo ekubuyeni kwayo.UNkoolou, ongene endaweni kaTeikeu ufake igowuli lokulinganisa. Icinezele mpela iCameroon yade yavuzwa kushiyeke imizuzu emibini kuphele umdlalo ngebhola efakwe ngu-Abbobakar.

Cameroon: Ondoa, Teikeu, Ngandeu, Onyongo, Moukandjo, Siani, Djoum, Ndip Tambe, Fai, Zoua, Bassogog.

Egypt: El Hadary, Gabr, El Mohamady, A. Hegazy, A. Fathi, Hamed, M. Elneny, EL Said, M Trezeguet, Warda, M. Salah.