UDan Malesela wonelisekile yinkqubela yabadlali enkampini

UDan Malesela ngumqeqeshi weChippa United. Umfanekiso: BackpagePix

Kungentsuku zatywala amaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League azakubuyela enkomeni emva kokuthath’ ikhefu elingiphaya kwenyanga ngenxa yetumente ye-Afrika [2017 Afcon] eqhutyelwa eGabon. Iqela lalapha eMpuma Koloni, iChippa United, lichithe ithuba elingaphaya kweveki yonke kwinkampu ebiseKapa. Injongo yale nkampu kukulungiselela isigaba sesibini sesizini yePSL. Emva kokudlala imidlalo yobuhlobo emihlanu, uDan Malesela, wonwabe kakhulu ngoba zonke izinto zihambe ngekomnqweno wakhe.

“Ukubuya kwabadlali abebonzakele kusincedile ngoba [ngoku] kutsho kwakho ukhuphiswano phakathi kwabadlali bethu. Siye enkampini eKapa kuba besifuna ukudlala imidlalo eliqela. Ndonelisekile ukuzothi ga ngoku, abadlali bakwazile ukuzibamba izinto ebesifuna bazenze. Zininzi izinto ezintsha esizizamileyo, kwimidlalo emihlanu esiyidlalileyo – kwemine sikwazile ukufaka amagowuli,” utshilo uMalesela kwikhasi lomnatha leChippa United.

“Ezinye zezinto esisoloko sizifuna kweli qela kukwakha ubuhlobo nokuthembana phakathi kwabadlali neqela ngokubanzi. Sifuna nokuqinisekisa ukuba siyabaxhobisa abadlali ngokwasengqondweni – inkampu isinika elothuba ke. Abadlali bethu abadlale kumdlalo weMultiChoice Diski Challenge obuphakathi kweChippa ne-Ajax Cape Town badlale kakuhle ngempelaveki,” utshilo uMalesela.

Nangona izinto zilihambele kakuhle nje iqela lakhe uDan Dan – kodwa uyabuqonda ubunzima azakujongana nabo kumdlalo ozayo xa iiChilli Boys zidibana neBaroka FC ngomhla wesixhenxe kwinyanga ezayo eNelson Mandela Bay Stadium.

“Ngoku sizakugxila kwindlela esidlala ngayo emva naphaya phambili xa sihlasela. Kuninzi kakhulu ekufanele sikulungise phambi komdlalo wethu olandelayo nangona ezinye izinto sikwazile ukuziqhiza enkampini,” uvale ngalo mazwi uDan Dan.

Eli qela liphulukene nokapteni, uJames Okwuosa noMarc van Heerden, abathathwe yi-Orlando Pirates kwiveki ephelileyo.