Bahlangulwe besetyenziswa njengamakhoboka abantwana besikolo

Amagosa akwaMasipala
waseNgcobo othuswe ziziganeko zokubona abantwana abasekwinqanaba lokuba
basesikolweni, nangona bengafundi. 

La magosa akubone oku ngethuba etyelele
isikolo saseAll Saints eNgcobo, nalapho afike axelelwa ngomntwana oneminyaka
elithoba oze kanye esikolweni ngalamhla zivulwayo akaphinde walibeka. 

Emva koko
la magosa aye kwikhaya lomntwana ekhokelwe nguceba weWadi uNosimo Lilane nalapha
afike afumanisa ukuba uneentsuku eziliqela engasahlali kokwabo. 

”Sifikile sabuza
kumamakhe ukuba uphi umntwana wathi ulahlekile, xa sibuza kutheni engayi
emapoliseni wathi woyika omnye umntwana ekuvakala ukuba uqokelele abantwana
abaliqela ekuhlaleni uhlala nabo kumzi othile ongenabantu abadala,” utshilo uLilane.

Emva koko la magosa
afumanise ukuba iqela labantwana ebekufanele ukuba lihamba isikolo lihlala
kumzi othile ongenabantu nenkwenkwe ebizwa ngokuba nguSchoolboy oneshumi
elinesine leminyaka ubudala. 

Uphando oluqhutywe ngalamagosa lifumanise ukuba
uSchoolboy umane ethuma abantwana edolophini ukuba bahambe becela ukutya edolophini,
emva koko abanike isabelo. 

Akwavakalise ukuba ababantwana baphela besiba kuba
onezanga nanto akafumani kutya. Lomba awudlulisele kwiSebe Lophuhliso Loluntu
la magosa.

Kwelinye icala eli qela
lothuswe kukufumanisa ukuba kukho utitshala ogcina abantwana emzini wakhe
abathume imihla nezolo baye kwiindawo zokulahla inkunkuma bachole ukutya athi
kokweehagu. 

ULilane uthi ”Lo mntwana uneminyaka elithoba uthi uqhawule phaya
kwatitshala kuba imeko inganyamezeleki kusetyenzwa nzima kuyatenwa wabona ukuba
azifunele enye inkokheli waza kuSchoolboy, ndimbuzile utitshala ukuba ngabantwana
abatheni aba bahlala apha uthi bazizela ngokwabo kuba bemthanda.”

Ilali ivakalise udano
ngesi senzo sokusetyenziswa kwabantwana ngutitshala ithi iza kubiza intlanganiso
basabele kutitshala ukuba ubagcina ngamagama mani abantwana ngexesha kufanele
ukuba basesikolweni. 

Uceba ukwacele ungenelelo lwamapolisa ukuya kukhulula la
makhoboka azimveku kwisandla sikatitshala kunye noSchoolboy.

ULilane ubongoza abazali
ukuba bakhathalele abantwana babo bangavumi basuke phantsi kwekhaya kuba
besoyika. 

”Xa umntwana kuthiwa ayozama edolophini engenamali oku kutsho
ukuhamba ecela ade aphele esiba kuba kufuneka ebuye nento kulowo umthumileyo.
Sithi iimeko ezinje maziselwe iliso ekuhlaleni abantwana baye esikolweni
bangasetyenziswa gwenxa” utsho uLilane.