“Ikamva eliqaqambileyo alixhomekeki kwintlupheko yekhaya lomfundi”

Iqumrhu labucala elasungulwa nguSodolophu waseOR
Tambo uNomakhosazana Meth iCromwel Diko Foundation linikezele ngoomakufanwe
kubafundi abangamashumi amathathu abasuka kwizikolo  ezibini zamabanga
aphantsi iMaweleni kunye neNtsele eMthatha.

Lo msitho ububanjelwe kwilali yakwaNtshele eMthatha ebutsheni
bale veki, uzinyaswe 
ngabahlali, abafundisi iintsapho ezinabafundi kwezi zikolo, izikolo ezikufuphi kwakunye neenkosi. 

Injongo yolu ncedo kukukhuthaza imfundo kubantwana
abaselula. 
Le foundation ithiywe ngongasekhoyo uCromwel Diko, nonguyise
kuSodolophu uMeth. Isungulwe kunyaka ophelileyo ngelikhumbula iminyaka
engamashumi amathathu waswelekayo, kwaye ikwabalula igalelo likaDiko kwimfundo,
nowayekwa nguMfundisi wakwalizwi.

Owona myalezo oqaqambileyo ubusithi ikamva
eliqaqambileyo alixhomekeki kwintlupheko yekhaya lomfundi. UMeth uthi xa
ungakhange udlule kwindlala nentlupheko awusokuze uzazi ukuba zinjani. 

“Utata wayengumfundisi owayeyithanda kakhulu imfundo, sithe xa sikhumbula
kunyaka ophelileyo saqonda ukuba masenze umehluko sisungule ifoundation
ezonceda abafundi kuqala,” utshilo Meth.
Baliqela asebefumene uncedo kule foundation, kwaye uMeth uthi bazimisele
ukunceda nabafundi abakumaziko emfundo ephakamileyo nakulwakhiwo lwecawe. 

Ukwathe
“Sinomnqweno wokuncedisa nabafundi kumaziko emfundo ephakamileyo kodwa
ngenxa yokuba eliqumrhu liselitsha kusafuneke siqokelele imali. Sele sinikezele
ngeziko lekomputha kwisikolo saseFlagstaff kunyaka ophelileyo saphinda senza
ikilimesi yabantwana balapha kuNtshele. Sizoqhubeleka siye nakwezinye indawo.”

Umfundi kaGrade 7 kwisikolo iNtshele uAkhonke Vuke
uthe “Ndiyavuya ukufumana umakufanwe, bendiwudinga kakhulu. Ibindihlupha
into yokunxiba impahla egugileyo esikolweni, indikhathaza lonto kuba umama
ubengakwazi kundithengela.”

Usihlalo webhodi elawula isikolo eMaweleni
uZusanelise Boyana uthi olu ncedo yinkuthazo enkulu kubafundi bezi zikolo
ezonganyelwe yindlala nokuhlwempuzeka. Uthi abazali baxhomekeke kwimali
yesibonelelo sikarhulumente yilo nto kunzima ukuthenga oomakufanwe babafundi.

Zonke ezimpahla zifunyanwe ngenkxaso yoosomashishini
abohlukeneyo.