‘Amava kaDlangalala azakusinceda’ – Chippa United

UZipho Dlangalala ongene kwiChippa United njengosekela-mqeqeshi, ngethuba eqeqesha iqela le Orlando Pirates kwiMultichoice Diski Challenge ebikunyaka ophelileyo.

IiChilli Boys zeMpuma Koloni ziqashe ungqondo-ngqondo kwibhola ekhatywayo, uZipho Dlangalala, njengosekela mqeqeshi wesibini.

Oku kwenzeka kanye xa iChippa United ilungiselela isiqingatha sesibini sesizini ka’2016/17 ekulindeleke sibe nzima kumaqela phantse onke adlala kwiPSL; amanye alwela iindawo eziphambili, amanye alwela ukufumana indawo phakathi kwalawo asibhozo xa kuphela isizini – kodwa amanye alwela ukusinda ezembeni.

Lo kaDlangalala umke kwi-Orlando Pirates phambi kokuphela konyaka ophelileyo emva kokungaqhubi kakuhle kweqela layo elidlala kwiMultiChoice Diski Challenge.

Nangona kunjalo iChippa ibona le ndedeba njengomntu onokwenza umahluko njengokuba izama ukuphucula indawo ehleli kuyo kwiPSL.

“Imbali kaZipho Dlangalala kwicala lokubona nokubumba italente icacile. Iingcinga zakhe ngebhola zihambelana ncakasana nezeChippa United kwaye amava wakhe asakusincidisa. Siqinisekile uzakusebenzisana kakuhle noDan Malesela,” utshilo uLuthando Zibeko, isithethi seChippa United.

“Njengokuba iChippa ibikhe yagxila kwicala lokuqinisa icandelo layo loshishino, ngoku sixesha lokuqinisa kwiqela lethu labaqeqeshi – lo nto ihambelana nomxholo wethu othi: #SeasonOfGrowth. Egameni likasihlalo, uSiviwe Mpengesi, siyamankela umnu. Zipho Dlangalala kwiChippa United,” uvale ngalo mazwi uZibeko kwincoko neli phephandaba.

UDlangalala ufika ngexesha elibalulekileyo, kuninzi okufuneka ukulungiswa emva kwesiqingatha engasifumananga kakuhle isingqi sayo iChippa.

Umsebenzi wayo ubungemhlanga ngoba iphulukene nemidlalo ebekumele eyiphumelele, kwangaxeshanye ayikwazanga ukufumana amanqaku kweminye imidlalo ngenxa yokungakwazi ukufaka amagowuli.

Kweli xesha lokuthengwa kwabadlali akukho nto ingako eyenzekayo kwiiChilli Boys ngaphandle kokukhulula abadlali ababini.

NguSimphiwe Mtsweni no-Ayanda Masiko abakhululweyo kuba befuna ukuyozama kwezinye iindawo.