Lucacisiwe uvavanyo lukaGordinho kwiqela laseDenmark

ULorenzo Gordinho uziqeqesha neqela laseDenmark. Umfanekiso: BackpagePix

Umdlali wasemva kwiKaizer Chiefs, uLorenzo Gordinho, uyinxalenye yeqela laseDenmark elibizwa ngokuba yi-Aalborg – edlala kwiDanish Superliga emva kokumenywa leli qela. Lo mdlali, 22, usuka kwiFulham edlala kwi-English Premier League yaseNgilane – apho ebefumene ithuba lokuziqeqesha nabadlali bayo. Ingqonyela ye-Aalborg, u-Allan Gaarde, uthi injongo yokumema lo mdlali kukuba bafuna ukumjongela kufutshane nangona besoloko beyibeke esweni inkqubela yakhe kwiChiefs.

“Lo ngumdlali esimbeke esweni lethu, sikhona isizathu esibangele simbizele apha kuthi. Kukho izinto esifuna ukuzibonela kufutshane nesifuna ukuzivavanya apha kuye,” utshilo uGaarde kwiBold.dk.

UGordinho ngomnye wabadlali ethembele ngabo iKaizer Chiefs kwaye ukwangomnye wabadlali abafake amagowuli amaninzi nangona engumdlali wasemva. Le yisizini yakhe yasebini edlala ngokupheleleyo kwi-Absa Premier Soccer League. Eyona emenze wakhula umdlalo wakhe kukuzimisela emsebenzini wakhe.

Kwiveki ephelileyo ebeyinxalenye yabadlali abane beChiefs abachithe iintsuku ezintlanu beziqeqesha neFulham. UGordinho ngoyena mdlali onethuba elihle lokuthathwa ngamaqela aseYurophu kunabanye ngoba udlala oko kwiChiefs. Njengokuba kuqala unyaka, lo mdlali usondela kwiinyanga zakhe zokugqibela kwisivumelwano sengqesho anaso naMakhosi – lo nto ithetha ukuthi kufuneka kubekho iingxoxo ngesivumelwano esitsha kungekudala ngoba kukho amaqela kwiindawo ezahlukeneyo amjonge ngeliso lokhosi. Umanejala walo mdlali, uMike Makaab, kuthiwa uthi unethemba lokuba iChiefs iza kusivuselela isivumelwano sakhe sengqesho. “Kufuneka ubenesiseko esomeleleyo ukuze uphumelele kwiqela elifana neKaizer Chiefs. ULorenzo uqhuba kakuhle kakhulu kwiChiefs. Ndiqinisekile iingxoxo siza kuziqoshelisa kwiiveki ezimbalwa ezizayo,” utshilo uMakaab kwiGoal.com.

Nangona kungekho bani ozaziyo, okwangoku, iziphumo zotyelelo lwakhe eDenmark – kodwa ukuba ela qela liyamfuna uGordinho, unalo ithuba lokudlala eYurophu ngaphandle kwengxaki ngenxa kayise onengcambi eziphaya.