Abadlali beChiefs bantingele eNgilane

Bane abadlali baKaizer Chiefs abathe bawelwa ngumqa esandleni kule veki emva kokunikwa ithuba lokugudlala ngemihlana nabadlali beFulham yaseNgilane.

Amakhosi abhengeze iindaba ezithi uLorenzo Gordinho, uRyan Moon, uSiyabonga Ngezana no-Emmanuel Letlotlo bazakuchitha iintsuku ezilishumi zonke beziqeqesha neFulham kwidolophi yaseLondon.

Ingxolo ekhutshwe ngumphathi weChiefs, uBobby Motaung, ithi ukuthunyelwa kwala matyendyana phesheya kolwandle yinxalenye yeqela lakhe yokuphuhlisa abadlali nokuqinisa amatyathanga entsebenziswano namanye amaqela ehlabathi ukuze abadlali beChiefs bakwazi ukufumana amathuba abafaneleyo.