UPitso uphakathi koompondozihlanjiwe behlabathi

Umqeqesh weMakmelodi Sundowns uPitso Mosimane

Enye yenkcuba-buchopho kwicala lokuqeqesha kwibhola ekhatywayo nguPitso Mosimane.

Lo mqeqeshi ubekwa kwindawo yeshumi kuluhlu lwabaqeqeshi abaphambili kwihlabathi jikelele.

Ziindaba ezimnandi kakhulu ezo kuye, kwiMamelodi Sundowns nakwibhola yoMzantsi Afrika ngoba yinto enqabe kakhulu ukhankanywa komntu ophuma kweli lizwe phakathi kwabo babalaseleyo emidlalweni ngenxa yokungaphuhli ngokugqibeleleyo kwebhola ekhatywayo emazantsi Afrika.

UJingles uqhube kakuhle kakhulu kunyaka ophelileyo – yiyo lo nto iindaba ezinje zamkelwe ngovuyo. IiBrazillians zibambe indebe yePremier Soccer League, eyeTelkom zaphinda zazenzela udumo ngokufumana okokuqala indebe yeCaf Champions League emva kokugqugqisa amaqela amakhulu elizwekazi le-Afrika.

Igqibele ngokuthath’inxaxheba kwiFifa Club World Cup ekupheleni kuka-2016 ebibanjelwe eJapan – apho izinto zingayihambelanga kakuhle kodwa.

Ezo zinto zonke zenziwe yile ndedeba yakwaMosimane. Oluhlu lwabaqeqeshi abaphambili kwihlabathi lwenziwa ngumbutho oqokelela iinkcukacha zezinto zonke ezenzeka kwihlabathi obizwa ngokuba yi-International Federation of Football History and Statistics.

Umsebenzi wokwaba amanqaku emva kokuqokelela ulwazi lwezinto ezenziwe ngumqeqeshi ngamanye beluchotshelwe ziinkcutshe zebhola ekhatywayo ezizinze kumazwe ohlukeneyo akumashumi amahlanu.

Phambili kukho amadoda afana noDiego Simeone we-Atletico Madrid, uZinedine Zidane weReal Madrid, uClaudio Ranieri weLeicester City noPep Guadiola weManchester City – kodwa emva kwakhe uPitso kukho izixhagala ezifana no-Arsene Wenger oqeqesha i-Arsenal.