Bazakuchitha iKrismesi kwizindlu ezintsha

Ngamawaka-waka abantu abazakuchitha iKrismesi kwizindlu zabo ezintsha kwaye ezikhuselekileyo.

Oku kulandela emva kokuba isebe lokuhlaliswa koluntu kwiphondo leMpuma-Koloni lithe lakhela abo bangathathi ntweni izindlu.

Bebonke abathe baxhamla kwizindlu zesibonelelo bayi-8 856, bekoomasipala abahlukeneyo abafana neRaymond Mhlaba, Nxuba, Ndlambe, Great Kei, Buffalo City, Nelson Mandela Bay kwakunye nedolophu yaseMqanduli.

Isebe likwakhe iindawo zobugcisa ngelihlangabezana neemfuno zolutsha kwilali yaseThaba-Chitha eMatatiele nakwilali iDeberha eNgcobo.

Ezi ndawo sele zinikezwe ngokusesikweni ngoomasipala eziphantsi kwabo ngenyanga yeDwarha kulo nyaka.

Isithethi seli sebe uLwandile Sicwetsha uthi, ezi zindlu zakhiweyo zakhelwe abantu abakwimfuno emandla ekuquka kubo, abantu abadala, abakhubazekileyo, amagqala omkhosi kwanabantu abaselungelweni lokufumana izindlu.

Umphathiswa weli sebe uHelen Sauls-August uthe, iiprojekthi zeli sebe ebezibekelwe bucala ezinje ngokwakhela uluntu izindlu zifezekisiwe, kwaye uyoneliseka ngumgangatho wokwakhiwa kwezi zindlu.