Isiduko samaNala amaMpembe

Aba bantu bangamaMpembe baphuma kwinkosi yakudala yesizwe sabo ekuthiwa nguMhuhu. Esi sizwe mandulo sasayamene nezizwe zabaThwa ngokwendiselana nangokufuthelana ngamasiko nezithethe. Aba bantu mandulo yayingamagqirha emvula, isizwe sabo kusithiwa ngamaMpembe simi kula mihlaba yaseMozambique. Izizwe ezininzi zazisiya kwesi sizwe mandulo zisiya kufuna amakhubalo okunisa imvula.

Esi sizwe sathi sehla, abanye abantu bangena kumaHlubi kaMthimkhulu, abanye bangena kubeSuthu bakaMshweshwe.

Ngokwembalelwano esayifumana kuMnu. Bongani Nyakeni (ngoNovemba, 20, 2006). Loo Bongani uthi xa ezichaza uzalwa nguDingabancedisi, uDingabancedisi ozalwa nguSekethwayo, uSekethwayo ozalwa nguNkomba, uNkomba ozalwa nguNyakeni, uNyakeni ozalwa nguSiqanda, uSiqanda ozalwa nguDephula, uDephula ozalwa nguNdzimangwenya, uNdzimangwenya ozalwa nguSihlahla.

UBongani uthi xa elanda umlibo wamaMpembe: “AmaMpembe aphuma eMozambique aza ehla aya kutsho eNatala kwindawo yaseMtshezi naseEcort, apho amaMpembe anobukhosi khona nanamhlanje oku. UMpembe uzele ezi zindlu zaziwa ngezi ziduko namhlanje: uzele uNala, wazala uNzima, wazala noThabethe.

Umzukulwana kaMpembe ogama linguNkomba nophuma kwisinqe sikaNala wafuduka eMtshezi waya kwakha umzi wakhe eXopo.

Apho eXopo wafika wazeka uMachiliza intombi yaseRichmond. UNkomba wafika apho eXopo enabo nabanye abafazi ababini omkhulu kunye nomnye ogama linguMasithole.

Kwelo laseXopo uNkomba ufuduswe bubukhwele bamanye amadoda ngenxa yobutyebi awayenabo, amadoda agqiba ekuthini ambulale.

UNkomba wabaleka wawashiya loo madoda ayemsukela. Wathi akuwashiya loo madoda wazibonga wathi: “Yena ungumaqalashu ugoduka bejalile, Washiya izinja zasemaKhuzeni!

Izinja zasemaKhuzeni ngalo madoda ayemsukela. Uthe uNkomba akulishiya elaseNatala waya eLusuthu eQhaschasnek, apho washiya amanye amaMpembe waya kuma kwaMadlangala nalapho waswelekela khona.

Enye inzala kaNkomba nantso kuMhlaba kaLuphindo nakumhlaba kaSidoyi kwaMzozwana; enye nantso kwaMeje eMzimkhulu.

AmaMpembe amaNala ooNzima xa bezithutha bathi bangomvulana: Ngomvulana eyana ngobusuku kwasa kubonwa ngezikhukula, NguSinqanda kaDephula, YimiGobhozi emihle yaseMithandaneni, NgamaMpembe amhlotshana,NgooNdzima-ndlela, ngooThabethe!

Iifani zamaMpembe ooNala zezi zilandelayo: ooNyakeni, ooDube, ooDlodlongwana, Mashwawu, nezinye ifani zamaNala endingazibalanga zingamaNala” La akwaNyakeni amaMpembe xa ezithutha afakela indawo ethi; “AngooMazeka” “

UMpembe sitshilo ukuba uzele ezi zindlu nezi ziduko namhlanje: UNala, uNzima, uThabethe. Aba bantu baninzi kwimihlaba yabeSuthu

Aba ke kuthiwa xa bethuthwa: Nala, Mpembe, Jakadela, Ndokose, Nomgquba, Nzima, Mangqangqangqa, Khany’enkungwini kuvel’ilanga, Gqum’amaphambili kwedini, Iintombi zifun’ukuzithathela, Amakhany’ehlungwini kube kuhlwile, Amaphembel’umlilo emanzini, Ngababas’esizibeni kuvuthe kuthi bhe,Inkom’entle ungayinik’’ amaMpembe, Kodw’ibala layo libe nala aze kuhamba ezidumisa, Bangaqundana yazi ukuba bamphethe, Bangaba ngumphangalalana, Yaz’ukuthi sebehlukene naye, Isibhekuza sikaNzima singathi bheku yonakele, Umaphal’engceni njengenyamazane, UNzima-Ngwenya Ngomvulana eyana ngobusuku kwasa kubonwa ngezikhukula, NguSinqanda kaDephula, YimiGobhozi emihle yaseMithandaneni, NgamaMpembe amhlotshana, NgooNdzima-ndlela, ngooThabethe, NgabakwaMth’ongagawulwa ngamavila, Ugawulwa zizikhuthali zodwa!

Abanye abantu basemaNaleni bathi inala le yingwe, isilo sehlathi samaNala-Mpembe noThabethe. Xa kuthiwa nala kuhlonitshwa ingwe.

Imbali ithi umfazi othile wasemaMpembeni wayetheza ehlathini ebeleke usana, olu sana walothula walubeka emthunzini womthi omkhulu ngeli xesha asabekelela inyanda yakhe. Wathi uyothuka nantso ingwe ihleli ecaleni kosana ilukhotha. Wothuka wakhala waya ekhaya esiya kubiza amadoda. Indoda enkulu yasemaMpembeni yakhokela yaza yasondela kwesi silo iphethe umkhonto yaza ayaqala ngokusibinza yasuka yasinqula ngezinqulo zamaMpembe.

Ingwe isilo sehlathi kuthiwa yasuka yambosololo yaphakama yanyoshoza ngohlobo oluphoxekileyo yamshiya loo mntwana imkhothe waba mhle kakhulu.