Intokazi yaseCofimvaba inxanelwe imidlalo yehlabathi

Namhla Tyuluba

Amathuba ebomini aziveza ngeendlela ezahlukeneyo. Abanye abantu bancedwa zizihlobo neetshomi; abanye kufuneka basuke kwiindawo zokuzalwa njengoNamhla Tyuluba.

Le ntokazi yashiya ilali iSikhobeni, kuCofimvaba – apho yazalelwa khona ngo’2000, yeza eMonti ize kusisi wayo. Emva kweentsuku ezimbalwa iseMonti, yabona usisi owayedlala iKarati ephethe indebe; wayibuka le nto, kodwa kuba engayazi wathi makabuze kulo sisi ogama linguGcobisa Tshaka. Impendulo yathi: “Yindebe endiyifumene kwiKarati.”

Kwangoko wabanomdla uTyuluba xa efumana impendulo. “UTshaka wandidibanisa noBra’Mzi (Mnguni), ndangena emanqindini kanjalo. Ngo’2002 ndafumana umlo wam wokuqala. Kwangalo nyaka, ndabayintshatsheli yeMpuma Koloni,” kutsho uTyuluba.

Emva kwexeshana uTyuluba efikile eMonti – utyelelo lakhe labujika ubomi bakhe ngesaquphe, wangena tsotsololo emanqindini emva kokuphekwa nguMnguni. Ngo’2010 – le ntokazi yabeka phantsi ekubetheni inqindi, yangena kwicandelo lobusompempe nelokugweba imilo yamanqindi.

Ubomi bakhe abusafani nakuqala. “Ndonwabile kwindawo endikuyo. Ukuphatha imidlalo ndakuqala ezantsi – ngoku sibabini (oosisi) kwinqanaba eliphezulu. Ndikhulile kakhulu ngenxa yoncedo endilufumana kuPhakamile Jacobs,” utshilo uTyuluba.

Njengabo bonke abantu, le nzalelwane yakuCofimvaba ineenjongo ngobomi bayo bamanqindi.

“Kunyaka ozayo, ndinomnqweno wokuba ngusompempe nomgwebi kwinqanaba lehlabathi. Amathuba wokusebenza ngaphandle apha eMzantsi Afrika anqongophele apha koosisi. Siya nje eRhawutini, kuphelele apho – kanti bendiba kwakuthi kuba leli xesha ndibe ndifumana imilo ekwinqanaba eliphezulu,” utsho uTyuluba.

UTyuluba ngomnye wababhinqileyo abalawula imidlalo yamanqindi eMpuma Koloni – kwicandelo ekutshila kulo amadoda kakhulu. Lishumi elinesithandathu loosisi abangamagosa emanqindini – kodwa balithoba kuphela abangosompempe eMzantsi Afrika.