Kufuneka sifunde kwiSundowns, utsho uMenzo

Umqeqeshi we-Ajax Cape Town, uStanley Menzo, etheta noGrant Margeman. Umfanekiso: BackpagePix

Umqeqeshi we-Ajax Cape Town, uStanley Menzo, uvuya kakhulu njengokuba iqela lakhe libethe iMamelodi Sundowns izolo – kodwa uthi kufuneka lifunde indlela yokwenza izinto phaya kuyo.

Eli qela laseKapa liphumelele umdlalo walo wesibini izolo kule sizini ka’2016/17 emva kokubetha iDowns ngo’2-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obuseCape Town Stadium.

Amakhwenkwe kaMenzo azijulile kwakuko kwiintshatsheli ze-Afrika futhi khange abonakalise noluncinane uvalo emva kokuba zivuthulule iHighlands Park ngo’5-0 kwiveki ephelileyo.

UMenzo uthi ebesazi ukuba abadlali bakhe abaphazamisekanga emdlalweni – igowili ebelilindele lona, kwezeke njalo ngokwenene.

“Ndiyazingca ke ngeli qela, mkhulu umsebenzi esiwenzileyo kwezi veki zimbalwa ezidlulileyo. Siphuma ebunzimeni,” utshilo uMenzo kwiSuperSport emva komdlalo izolo,”

Le ndedeba ithi ifuna i-Ajax ifunde kwiSundowns indlela yokudlala.

“indlela esidlala ngayo isoloko ikwizinga eliphezulu kakhulu. Uzinzo eqeleni ulubona xa iqela lihlasela naxa lizikhusela. Jonga iSundowns xa idlala, inazo zonke ezo zinto. Kufuneka sifunde apha kwiSundowns, kufuneka siwuphuhlise umdlalo wethu. Kubalulekile ukwenyusa isantya somdlalo xa abadlali behlasela – kodwa bakwazi nokuyigcina kubo ibhola emdlalweni,” utshilo uMenzo.