Kudlwengulwe umntwana kwakhona eNgqamakhwe

Zithe gqolo ukuxhaphaka izenzo zokudlwengulwa kwabantwana ingakumbi kummandla womasipala waseMnquma, nangakumbi ngezintsuku zijongene nokulwa ukuxhatshazwa kwamanina kwakunye nabantwana.

Oku kulandela emva kokuba kudlwengulwe intombazanana eneminyaka emithandathu yaseMpukane eNgqamakhwe, idlwengulwa yindoda enamashumi amathathu anesithandathu ubudala. Ngokwengxelo ephuma kumapolisa ixhoba lidlwengulwe izihlandlo ngezihlando.

“Uqalwe ngomhla weshumi elinesithandathu ukuya ngomhla wamashumi amabini anesine kwinyanga yeNkanga edlulileyo ukumane ephindwa-phindwa ngumrhanelwa. Kuvakala ukuba ixhoba kwakunye nodade walo baqhele ukubukela umabonakude qho ngorhatya kwikhaya lomrhanelwa. Ithuba ulifumana xa ebakhaphayo begoduka.” oko kudizwe sisithethi samapolisa alammandla uKapteni Jackson Manatha.

UManatha uthi, ixhoba laye lagrogriswa ngumrhanelwa ekubeni angabikeli namnye ngesisehlo kungenjalo uyakulibulala. Oku kuqatshelwe nguninakhulu wexhoba ukuba lidlwenguliwe.

Emva kokuba lithe lahlatywa ngemibuzo ixhoba liye layichaza inyani ukuba lidwengulwe ngubani. Umanatha uthi, umrhanelwa wabanjwa kwangoko ngamapolisa aseNgqamakhwe. Ulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla yamatyala ngomhla wesibini kule nyanga sikuyo (ngomso) ngezityholo ajongene nazo zokudlwengula.