IMnquma Jazz Festival ifikile kwakhona

Bathembisa ngokuwuphucula ubekwelinye izinga umnyhadala womculo womngqungqo waseMnquma ozakubanjelwa eGcuwa Dam ngomhla weshumi kule nyanga.

IMnquma Jazz Festival, ibuyile kwakhona nakulo unyaka eGcuwa, kulindeleke ukuba ibize amawaka ngamawaka abathandi bolonwabo.

Iimvumi ezizakuba yinxalenye nalo mnyhadala walo nyaka ziquka ooJonas Gwangwa, Ringo Madlingozi, Naak Musiq, Sfiso Ncwane, Amawele kaMamTshawe, Lilitha, Pastor the DJ nabanye. UReggie Solani woMhlobo Wenene FM uzakube ebhexesha lo mnyhadala.

Umququzeleli walo mnyhadala uNkosifikile Gqomo weNophemba Holdings uthi amalungiselelo sele emi ngobume.

“Siwalungisile onke amagingxigingxi esiwafunde kwiminyhadala edlulileyo. Ukhuseleko siluqinisile sizakube sisebenzisana namapolisa kwaneenkampani ezithile zokhuseleko ngeenzame zokukhusela uluntu.

“Ingxinano yabantu eyayenzeke kunyaka ophelileyo siyibonelele icebo kulo unyaka. Kwanexesha lokuqala siza kuqinisekisa ukuba kuyaqalwa ngalo, kungenzeki impazamo yonyaka odlulileyo,” utshilo uGqomo.

Amatikiti ayafumaneka eTicketPro ngeR100 logama eleengcungcu (VIP) iyiR400.