Azinamandla okungcwaba isibini esibhubhileyo izizalwane

Zitshe zatshongqa izindlu zakwaVenisi eMbizana

IZIZALWANE zosapho lakwaVenisi kwilali iThekwini eMbizana zicela uncedo lokungcwaba isibini esibethwe ze satshiswa lizulu kwiveki ephelileyo.

Oku kulandela ukubethwa lizulu ebelikhatshwa yinkanyamba zekubhubhe unyana omdala wakwaVenisi obeminyaka ingamashumi mabini anesine kunye nemveku ebingudadewabo ineenyanga ezintathu kubusuku bangoLwesithathu.

Ingxelo ithi bebehleli bobane ababantwana kwikhaya labo ze isibini esisindileyo saleqiswa kwisibhedlela sale dolophu ukunyangelwa umothuko. Indlu ebebekuyo yona itshe yaluthuthu, kungoku nje kudingeka kwa izinto zokulala nesiwa phantsi kwempumlo.

Elishwangusha lihla emva kwenyanga nje ezintathu emva kokuba kungcwatywe unina wabo owabhubha kweyoMsintsi ngexa ebeleka le mveku ibinyanga zintathu.

UNozakhiwa Venisi ongunina omncinci kumaxhoba uthe: “Siyacela ukuncediswa ingakumbi kurhulumente, asazi ukuba sizokwenza njani ngoba besigqiba kungcwaba unina wababantwana. Sisabhatala lo matyala besiwenzile kwaye bebengekho nasembuthweni.”

Utatomkhulu wamaxhoba naye utsho isimbonono esifanayo esithi njengentloko yeli khaya ubindekile akazi ukuba kuza kuqalwa ngaphi ngamalungiselelo omngcwabo. 

“Andazi nokuba ndizothatha ntoni ndidibanisa na ntoni xa kunje, kwaye naba basindileyo bashiyeke bengenayo nendlu, kunzima. Ndingathanda ukuba baxhaswe nangendlu.

Ezizizalwane ziqhube zathi into yokonakaliswa kwemizi lizulu iqhelekile kule lali kwaye banomnqweno wokuba kufakwe izinto ezikhuselayo ngurhulumente lizakutsho lehle izinga leziganeko ezikumila kunje.

– iinkcukacha zolu sapho ziyafumaneka ku: isibhalo@inl.co.za