Unikwe imbeko emfaneleyo uBra Mzi Mnguni eMonti

uBra Mzi Mnguni engqongwe ziinkokeli zasebuRhuluenteni ngethuba ewongwa sisikhulu sakwaSuperSport kumsitho obubanjelwe e-Orient Theatre ngeCawe yeveki edluleyo umfanekiso: Pedro Mapelo

Iimbethi manqindi zeMpuma Koloni nezoMzantsi Afrika uphela zinike, umnu. Mzimasi Mnguni, imbeko emfaneleyo.

Ezi mbethi manqindi bezivan’amandla kwitumente ebiquzelelwe yiSuperSport ibambisene neGolden Gloves kwiCawe edlulileyo, e-Orient Theatre.

Lo msitho wokuwonga uBra’Mzi ubuzinyaswe ziinkokeli zaseburhulumenteni eziquka uMEC Pemmy Majodina, usodolophi olibambela eBuffalo City, uNcedo Kumbaca, isikhulu seSuperSport nabanye abaninzi. Zitsho ngazwinye iinkokeli [ngokahlukana kwamacandelo wazo] ukuba ngokwenene uBra’Mzi yindoda emadodeni kwaye igalelo lakhe likhulu kumdlalo wamanqindi.

Imidlalo yamanqindi edlalwe egameni lakhe [uMnguni] iqhube kakuhle kakhulu kwaye zonke iimbethi manqindi zisebenze ngokukhulu ukuzimisela.

Kodwa oyena mlo obujongwe kakhulu nothe washiya uninzi lungawuvali umlo ngolowo ubuphakathi kukaSimpiwe Konkco waseMthatha noNkosinathi Joyi waseMdantsane.

UJoyi ebecela umngeni kuKonkco – kodwa ngelishwa ilinge lakhe alaphumelela emva kokubethwa ngamanqaku.

Lo mlo wezi ndedeba ubukwizinga eliphezulu – kwaye zombini iimbethi zibonise ubuchule obungumangaliso. Ekugqibeleni uKonkco usikhusele icoco sakhe se-IBO.

URodney Berman – umthelekisi ovunyiweyo eMzantsi Afrika, uthethe wenjenje: “Yonke le nto eyenzeke apha ingoMzi Mnguni negama lakhe. Ngumhlobo wam uMzi, ungqondongqondo wamanqindini, yonke into ihambe kakuhle futhi ndonwabile.”