Amakhosi acanjalaliswe yiDowns, eLoftus Stadium

IMamelodi Sundowns ibhiyozela igowuli yayo. Umfanekiso: BackpagePix

Iintshatsheli ze-Afrika, iMamelodi Sundowns, zizibonakalisile ngokwenene ukuba zezona zinamandla ngethuba zibetha iKaizer Chiefs ngo’2-1 evuk’emaqandni ekuzeni kuphela komdlalo we-Absa Premier Soccer League obutshisa bhee eLoftus Stadium, ngale njikalanga yanamhlanje. UPitso Mosimane uncume olukaBhulankethe emva kokuba iqela lakhe liqokelele amanqaku apheleleyo laphinda lalawula umdlalo lidlala neChiefs – elinye lamaqela athanda ukusokolisana nawo.

URamahlwe Mphahle ufake igowuli elihle kwiqela ebelidlalela kwisizini edlulileyo ngomzuzu wamashumi amathathu anesibhozo, yibhola leyo angayibonanga uDenis Onyango ngoba ibingathi ingaphumela ngaphandle kwebala.

Kodwa olochulumanco lufinyeziwe nguTeboho Langerman ngebhola ayifake ngomzuzu wamashumi amane. Lo mdlalo ulawulwe ziiBrazillians phantse zozibini iziqingatha.

Yinto leyo engafane yenzeke kwiChiefs xa idlala namaqela ekhuphisana nawo ngobunganga. Ichithe amashumi amabini emizuzu izama ukunqanda uPercy Tau, Anthony Laffor noKeagan Dolly abebezihambela nje ngenxa yokuthi finini emva kwabadlali beChiefs.

Kwimizuzu esixhenxe yokuqala u-Itumeleng Khune unqande iibhola ezibuhlungu ebezikhatye ngobuchule nguLaffor.

Kwenye yezobhola ude waphantse wonzakaliswa yipali. Amakhosi onzakele ngakumbi ngethuba kukhutshelwa ngaphandle uSibusiso Khumalo obinguye okwaziyo ukumelanga nesantya sikaLaffor. Nayo iDowns iphulukene noTiyani Mabunda ophume ngenxa yesizathu esifanayo.

La maqela aye kwixesha lokuphumla ebambene ngegowuli elinye macala – kodwa iSundowns bekumeluba iye ekhefini inkqenkqeza phambili ngoba yiyo ekwazileyo ukufumana amathuba acacileyo kwesokuqala. UKhune, njengesiqhelo, nguye othintele iibhola ezimbi ebezikhatywa ngabadlali beDowns.

Kwisiqingatha sesibini, Amasandawana, athathe apho ebeyeke khona kwesokuqala. ULaffor, uTau, uDolly noVilakazi banxaphise ngamandla uMathoho, Lorenzo Gordhino noDaniel Cardoso amatyeli aliqela – kodwa iinzame zabo aziphumelelanga nangoba ibingabo abanamandla.

Umdlalo weChiefs ubenabo ububhetele kwesesibini isigaba – kodwa ayikwazanga ukugqobhoza udonga lweSundowns phaya emva.

Loo ntlantsi kumdlalo wayo [iChiefs] yenziwe ziinguqu ezenziwe nguSteve Komphela emva kokufaka abadlali abafana no-Edmore Chirambadare, uKeagan Bhuchanan noBernard Parker – obengathi ufakw’ebhotileni ngabadlali beDowns. Emva kokuqokelela la manqaku namhlanje – iMamelodi Sundowns – itsibe yayokuthi ngcu esizikithini kuluhlu lwamaqela ePSL nangona isadlale ibathwana lemidlalo emine kule sizini. Amakhosi kufuneka akhangele indlela yokufaka amagowuli ukuze abuyele kula ndlela ebesenza ngayo xeshikweni edlala imidlalo emihlanu kwiPSL engaphulukananga namdlalo.

Mamelodi Sundowns: Denis Onyango, Thapelo Morena, Wyne Arendse, Ricardo Nascimento, Tebogo Langerman, Tiyani Mabunda, Hlompho Kekana, Keagan Dolly, Anthony Laffor, Sibusiso Vilakazi, Percy Tau.


Kaizer Chiefs: Itumeleng Khune, Ramahlwe Mphahlele, Lorenzo Gordinho, Eric Mathoho, Sibusiso Khumalo, Katsande, Daniel Cardoso, George Maluleka, Siphiwe Tshabalala, Michelle Katsvairo, Lewis Macha.