Ugaxeleke engozini uNkosi Mwelo Nonkonyana

Umfanekiso oselugcinweni kaNkosi Mwelo Nonkonyana, olele ngandletyana nye kwisibhedlele saseBedford eMthatha. Umfanekiso: SINIKELO GOQWENI

Uchacha kuhle kwisibhedlele saseMthatha iBedford uNkosi Nonkonyana, emva kokungeniswa kuso kulandela ukubandakanyeka kwakhe kwingozi yemoto, ngenjikalanga yangoCawe.

Ngokwengxelo lo kaNonkonyana ugaxeleke kule ngozi ekunye nomqhubi wakhe, esendleleni ebuya eMthatha, esingise kwikhaya lakhe eliseFlagstaff.

Isakhwankqisekile indlu yeenkosi zemveli eMpuma Koloni zindaba zokulimala kwale nkosi ekwalibambela nobhala kule ndlu.

Usihlalo wendlu yeenkosi zemveli eMpuma Koloni uNkosi Ngangomhlaba Matanzima uthe, bothuke kakhulu beziinkosi emva kokufumana ezindaba kodwa zehla izibilini bakufumanisa ukuba noko akalimalanga ngamandla. 

“Noko uyathembisa kuba uyazithethela kwaye utsho ukuba akukubanga kakhulu,” uthethe watsho uNkosi Ngangomhlaba. 

Uqhube wathi, “Besikunye kwiintlanganiso kwaye ziseninzi izinto ezidinga ubukho bakhe kanti nomsebenzi wakhe mnintsi kakhulu. Simnqwenelela ukuba aphile ngokukhawuleza khon’ ukuze abuyele enkomeni.”

Ubongoze uluntu ukuba luqaphele ezindleleni maxa onke, esithi malithobele  imithetho yezendlela ngamaxesha onke.

Isithethi sesebe lezeMpilo kweli phondo uSiyanda Manana ungqinile ukuba uNkosi Nonkonyana uchacha kuhle kwisibhedlele saseBedford.