Bavume iingoma ezichasene noZuma kumsitho waseMonti

Amapolisa engxange kumasango aseAbbotsford Christian Centre eMonti apho uMongameli Jacob Zuma athe wenza intetho khona. UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

ABAXHASI be-EFF bavume iingoma ezichasene noMongameli Jacob Zuma ngaphandle kwamasango aseAbbotsford Christian Centre eMonti ngoLwesihlanu besithi lo kaZuma “akanalungelo” lokuthetha njengomongameli kuba “usophule isifungo sakhe se-ofisi”.

 

“Akanalungelo lokuthetha kulo msitho kuba ubadanisile abantu baseMzantsi Afrika. Usophusile isifungo se-ofisi kwaye uyaqhuba nokudelelela eli lizwe,” utshilo uSandile Manqulo, ongomnye wabaxhasi we-EFF kwingingqi yaseBuffalo City.

 

Amalungu e-EFF azamile ukuphazamisa umsitho phambi kokuba uZuma athethe, nto leyo ithe yanyanzela abanye babo ukuba baphume phandle emva kokuphanza kwelinge labo.

 

Amapolisa aqhubekile ukuwajonga ngeliso lokhozi la malungu e-EFF. 

 

Ethetha kulo msitho uZuma uthi zikumakhulu amathandathu amawaka izindlu zohlobo leRDP ezithe zokhelwa abantu baseMpuma Koloni ukusukela ngonyaka ka1994.

 

Ethetha eAbbotsford Christian Church eMonti ngoLwesihlanu, kumsitho wokuthathwa kwePalamente isiwe ebantwini obusingathwe liBhunga lamaPhondo likaZwelonke (NCOP), uZuma uthi abemi baseMpuma Koloni abakwizigidi ezibini baxhamla kwinkqubo karhulumente yonikezelo lezindlu.

 

“Ukusukela ngenyanga kaTshazimpuzi kulo nyaka, sinikezele ngezindlu ezingaphaya kwewaka elinamakhulu amahlanu kubantu baseBuffalo City. Urhulumente ukwaxakekile ezama ukuba abantu abaxhamla kwizindlu zesibonelelelo sikarhulumente bafumane ubunini beziza zezindlu zabo,” utsho uZuma.

 

Ethetha ngomba wamanzi, uZuma uthi ukwakhiwa kwedama laseMzimvubu ekulindeleke ukuba lixhamlise inkitha yabantu ngamanzi, kulindeleke ukuba liqale kungekudala.

 

Ukwathe umsebenzi wokwakhiwa kwedama iFoxwood eKhobonqaba (Adelaide) kwanedama iZalu ngaseLusikisiki, uqhubela phambili.

 

“Ukwakhiwa kwedama laseXhorha kuqhubela phambili logama iMbhashe Dam ifolelwe ukuba yakhiwe. Amanye amadama asele egqityiwe kweli phondo yiLudeke eMbizana kwaneMdwaka [eXhorha],” utshilo uZuma.