Malesela: Abadlali mabadlali indima yabo

Umqeqeshi weChippa United, uDan Malesela, unethemba lokuba iqela lakhe lakuthi lifumane iziphumo eziphucukileyo xa lisamkela iCape Town City kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ngoMgqibelo ngo’15:30 eNelson Mandela Bay Stadium.

IiChilli Boys ziphantsi koxinizelelo emva kokungaphumeleli nomnye umdlalo kwemihlanu imidlalo edlulileyo.

Lo nto idale inkxalabo kuba iChippa iqale isizini ngendlela ethembisayo. UMalesela unethemba lokufumana iziphumo ezihle futhi ezihambelena ncakasana nendlela elidlala ngayo iqela lakhe.

“Eli khefu leFifa lisinike ithuba lokukhangela izisombulo zengxaki esinazo,” utshilo uMalesela.

“Iingqondo zethu sizibeke kumdlalo wethu olandelayo neCape Town City. Kufuneka sibonise ukunxanelwa (ukulambela) ukuphumelela kwimidlalo yethu. Asisebenzanga ngokuzimisela kumdlalo obuphakathi kwethu neBidvest Wits: yeyona nto eyenze umahluko kula mdlalo,” utshilo uMalesela.

Emva kokuba iChippa United ivale isizini yePSL ka’2015/16 ikwindawo yesithandathu, uMalesela wathi injongo yakhe kukuithatha ayibeke kwelinye inqanaba. Ukungaqhubi kakuhle kweChippa kwimidlalo edlulileyo kuziphazamisile kancinci iinzame zakhe umqeqeshi – kodwa usazimisele ngokufezekisa elo phupha.

“Sinoxanduva lokuyikhusela iChippa sonke futhi sithathe umsebenzi wayo siwuphakamise. Sibakhumbuzile abadlali ngendima ekufanele bayidlale. Sidlalela ekhaya, injongo yethu kukufumana iziphumo ezincumisayo,” utshilo uMalesela.

Xa idlalela ekhaya iChippa ithembela kakhulu kwinkxaso eyifumana kubalandeli bayo, uthethe kakuhle ke ngabalandeli uMalesela.

“Siyayibulela inkxaso esiyinikwa ngabalandeli bethu. Imiyalezo esiyifumana kubo iyasikhuthaza kakhulu. Sizimisele ukubancumisa xa bebuyela emakhaya emva komdlalo,” uvale ngalo mazwi umqeqeshi.

Eli qela laseMpuma Koloni lizakufunqulwa bebekho bukapteni, uThamsanqa Sangweni, nomdlali siswini * -Andile Mbenyane emva kokusokoliswa kukonzakala okungephi.