UBradley uyibethelele indawo yakhe kwiBafana

UBradley Grobler uzibonakalisile ukuba uMzantsi Afrika ungathembela kuye emva kokufaka igowuli kumdlalo wobuhlobo obuphakathi kweBafana Bafana neMozambique ophele ngo’1-1, eNacional do Zimpeto Stadium.

ABafana Bafana bantingele eMaputo imisila iphezulu emva kokubetha iSenegal ngo’2-1 ngoMgqibelo odlulileyo.

Ngelishwa labo aBafana Bafana bafike iMozambique iqule yaligangatha futhi kucaca ukuba izimisele ukuyicima loo nxantsi yokuzithemba kuMzantsi Afrika.

Ukuba izinto bezihambe ngendlela uThuso Phala ngengcangcazelise umnatha kumzuzu wokuqala emva kokufumana ibhola kuRamahlwe Mphahlele.

Lo nto iyihluphezile iMozambique ebikhokelwa ngu-Elias Pelembe, odlalela iBidvest Wits, ngoba indlela edlale ngayo emva koko iye yabonisa ukuba izimisele ukuyibetha iBafana Bafana.

Ngomzuzu wamashumi amabini anesithandathu iMozambique ivalele igowuli layo. UPelembe usike amadoda embindini webala, wadlula kuRonwen Williams oyeke ibhola, yadibana noClesio wayibeka emnatheni.

Kwisigaba sesibini somdlalo, uOwen Da Gama, ufake abadlali abafana noKeagan Dolly noBradley Grobler – kwangoko kuye kwakho umehluko.

-Pedro Mapelo