Abezopolitiko kufanele baxoze mphini wumbi
ukuze bavakale eluntwini, kuba kuya kuncipha ukuthenjwa kwabezopolitiko luluntu.
Oku kuthethwe ngusekela mphathiswa wezemali kweli uMcebisi Jonas ngethuba
kusungulwa iBuffalo City Metropolitan Development Agency (BCMDA) eyi-arente yomasipala ombaxa
OkaJonas ulumkise ngelithi kukho ukwanda kwabantu abenza
ingxolo, bethembisa uluntu izinto ezingenokuphunyezwa lula.
Noxa kunjalo uthe
abezopolitiko mabavuke emaqandeni, bakhangele iindlela zokufikelela eluntwini, bandise iinkqubo
eziphuhlisa iimfuno zoluntu. “Kufanele siqale
ingxoxo entsha noluntu, senze isivumelwano esitsha, sakheni uqoqosho olukhula
ngesantya esiphezulu, neliquka wonke umntu,”
utshilo uJonas.
Ukwagxeke ubuqhophololo, kwanokuqeshana kwimisebenzi ethile.
UJonas uthe, “Injongo yethu yokwakha
ilizwe eliphuhlayo libethwe kukunikwa kwezikhundla kwabathile,
nabubuqhophololo.”
Ukwakhuthaze ukuba kubekho into abemi
boMzantsi Afrika abanamathelise kuyo ingqondo. “Ngexesha lengcinezelo ingqondo
yethu sasiyinamathelise ekukhululeni eli lizwe, yintoni ngoku esiyinamathelise
kuyo?
Kufanele siyinamathelise ekulweni kokungalingwana phakathi kwabemi beli,”
uqhube watsho okaJonas.
Uthe isixeko
kufanele kufanele sinamathelise ingqondo ekwakheni uqoqosho elibandakanya bonke
abantu besi sixeko, urhulumento oluqinileyo nolungena buqhophololo, nophuhliso
lezakhono.
“Ukuba
imali ingasetyenziswa ngokufaneleyo ungamkhulu umahluko esinokuwubona. Ukuba
ngokomzekelo imali-sabelo yezindlu eMdantsane likhulu lezigidi (R100 Million), kufanele sibale
ukuba yimalini kuleyo ezakushiyeka kubantu baseMdantsane.
Ukuba asenzi njalo,
umsantsa phakathi koluntu nabezopolitiko uyakuhlala ukhula,” woleke ngelo uJonas.
Ukwathe linyathelo
elibalulekileyo ukusungulwa i-arente ukwandisa amandla okuhambiswa kweenkonzo
zika masipala, waphinda walumkisa ngokusetyenziswa kwezi arente njengesigqubu
sobuqhophololo.
“Ukuba nizakuqesha abantu abangenamava kule
arente niyokube niwuphosile umhlola ngesona sizathu sokusungula iarente,”
utshilo.
UCavin Johnson usola usompempe ngokuhlazwa kweChiefs izolo