Makusekwe isebe loluntsha – Ncedile Saule

UNjingalwazi Ncedile Saule eqhuba isifundo sika-AB Xuma eNgcobo ngoLwesihlanu. Umfanekiso: Malwande mantshule

”Ulutsha leli lizwe lidinga ukukhathalelwa, libe nomphathiswa wolutsha, kubekho namaziko olutsha kule dolophu angathi akugqiba ukufunda umntu ahlale phantsi. Ulamba njani unemfundo? Icebo linye makuphulaphulwe iimfuno zabafundi.” 

Lawo ngamazwi kaNjingalwazi Ncedile Saule kwisifundo ngesikhumbuzo sikaGqirha Alfred Batini Xuma ebesiqhutywa eNgcobo ngoLwesihlanu.

Lo msitho ubuququzelelweliqumrhu iGlobal Rural
Development Agency, nelasungula iDr AB Xuma Foundation kwiminyaka elishumi
elinesibini eyadlulayo.

Usihlalo weli qumrhu
uMusa Tsholeka uthi baze kukhumbuza abantu ngemisebenzi kaXuma. Uhambisae wathi
”Sisihlandlo sesine kuqhutywa esi sifundo, sibiza abantu abafana nooNjingalwazi
Saule ukususa ingcinga ethi lo ngumcimbi wezopolitiko sifuna wonke umntu azi
ukuba ngumcimbi kawonke-wonke”.

UGqirha AB Xuma wazalwa
ngonyaka ka1893 ngomhla wesibhozo kuMatshi kwilali yakuManzana eNgcobo. Emva
kokufunda amabanga aphantsi kule dolophu wayokufunda kumazwe aliqela phesheya
esenza izifundo zobugqirha.

Akuziphothula ezo
zifundo wabuyela kweli lizwe ngomhla wesine kweyoMnga ngonyaka ka-1927, waze wasebenza
njengogqirha. Ubengomnye woogqirha bokuqala abamnyama kweli lizwe. 

Kwinkomfa
yombutho weANC ngo-1940 wonyulwa ukuba abe ngumongameli walo mbutho. Ngo1943
wavula iofisi kazwelonke yalo mbutho eRhawutini.

Usebenzele lo mbutho
iminyaka de imeko yakhe yempilo yaba maxongo nangakumbi ngonyaka ka1961 egula
ngumhlaza, waza wasutywa kukufa ngo1962.

Saule  okwangumbhali weencwadi unike intetho yosuku, nalapho athe eli
lizwe liyabadinga abanye ooXuma. ”Sele iyiminyaka uXuma engasekho kodwa
iNgcobo isenjengakuqala akukho mahluko ungako lowo yayingengomnqweno wakhe. 

UXuma wayenemvakalelo, enengqondo yemveli, esebenzisana nabantu edala uxolo,
engathi kwukuxatyanwa abhebhethe.”

Uqhube wathi, “wayengumququzeleli
owenza lonto ifunekayo ngelo xesha ngokwenza oku woyisa izinto ezininzi. Umntu
ongenazo ezi zinto kulula ukuba abe sisicaka somnye umntu.” 

OkaSaule uthe ikamva leli lizwe lilele kulutsha. Uqhube wathi, “Eli lizwe lijongene nengxaki yokungaphangeli kolutsha kunye noqhankqalazo kumaziko emfundo ephakamileyo.”

Ukwathe ukulwela imfundo okwenziwa ngabafundi ngoku kwenziwa ngabafundi baseJamani naseFrance ngeminyaka yoo-1960 kungoku nje loomazwe angamanye aphuhlileyo emhlabeni jikelele.

Obethethele usapho
uBulelani Xuma uthi babulela kakhulu kweli qumrhu ngokuphakamisa igama likaXuma
elizweni jikelele.