Ifuna amaxabiso aphantsi ikomishini yokhuphiswano ngamaxabiso

Umfanekiso oselugcinweni ngabakwa Independent Media
Bakhale ngemigaqo  equlathwa ziilayisenisi zokuthengiswa kotywala oosomashishini abasakhasayo. Ezi zikhalazo zivele kutyelelo lekomishini yokhuphiswano ngamaxabiso (Competition Commission of South Africa), eMthatha.

Oligosa kule komishini uLumkile Mondi uthe injongo yolutyelelo kukusabela koosomashishini ngemiqobo abadibana nayo kwicala lamaxabiso. Uthe iinjongo zale komishini kukugcina amaxabiso okuthengisa ukutya nempahla ephantsi.    

Abezoshishino bakhale ngelithi, iivenkile ezinkulu ezishishina ngotywala aziyilandeli imigaqo elawula amaxesha okuvula. Kwaye bayohlulakala kukukhuphisana ngamaxabiso noobhazabhaza beevenkile abafana noShoprite-Checkers, Pick n Pay uSpar, namanye.

“Emva kokufumana izikhalazo ngokungabikho kokhuphiswano kwicandelo loshishino lokutya siqale ukwenza utyelelo kumaphondo sisabela
izikhalazo zabantu. Iinjongo zethu kukugcina amaxabiso okutya ephantsi, abantu kumele bazikhethele apho bafuna ukuthenga khona ngamaxabiso
aphantsi,” utshilo uMondi.

Ukwathe “Olu phando luzoveza ukuba kwenzeka ntoni phakathi kwamaxabiso kumashishini amakhulu namancinane. Okwangoku asizukhupha ngxelo  ngesikufumene kula maphondo sakulinda de kuqulunqwe ingxelo epheleleyo.

Ikomishini yokhuphiswano lwamaxabiso yasungulwa kweli ngo-1998 ngurhulumente weli kulandela izikhalazo ngamaxabiso okutya. 


Le komishini ikwiphulo lokutyelela onke amaphondo kweli loMzantsi Afrika. eMpuma Koloni le komishini ibityelele eMthatha, eMonti naseBhayi.

Ukanti kusalindeleke ukuba ityelele eMntla Ntshona, Limpopo, eMpumalanga naKwazulu Natal.