UTshabalala uphalaza imbilini yakhe ngeChiefs

USiphiwe Tshabalala weKaizer Chiefs eFNB Stadium. Umfanekiso: BackpagePix

Amakhosi akhutshwe kabuhlungu kukhuphiswano lwesibini kule sizini emva kokubethwa yiFree State Stars ngo’6-5 kumapenela kumdlalo weTelkom Knockout kwiveki ephelileyo eMoses Mabhida Stadium. Kanti ekuqaleni kwesizini le ka’2016/17, iKaizer Chiefs yabanelishwa lokubethwa kumjikelo wokuqala weMTN8.

Le yinto enganyamezelekiyo kubalandeli futhi engaqhelekanga kwiChiefs ngoba lelona qela lazenzela imbali kwibhola yoMzantsi Afrika kwicala lokuqokelela iindebe. Igqala kweli qela lizinze eNaturena, uSiphiwe Tshabalala, uthi iChiefs ayiphumelelanga kwiveki ephelileyo ngenxa yebhadi. Nangona agoduka esophisa Amakhosi emva komdlalo – kodwa alwa kakhulu kula mdlalo; abuya izihlandlo ezibini ngasemva.

Yafaka igowuli zisuka iFree State Stars kwisigaba sokuqala; kwakhona kwisigaba sesibini yakwazi (iFree State) ukufumana igowuli lesibini ngenxa yokusebenza ngokuzimisela – kodwa iChiefs yakwazi ukubuyela emdlalweni ilandela ngasemva kuzo zozibini ezo zigaba zomdlalo owaphela ebambene ngo’2-2 la maqela.

“Kubi kakhulu kuthi ukuphulukana nomdlalo emva kokusebenza kangaka. Sizamile ukudlala umdlalo wethu nokudala amathuba kula mdlalo – kodwa ekugqibeleni sabethwa kumapenela. Olu lukhuphiswano lwesibini esiphulukene nalo. Kunzima kodwa kufuneka sivuthulule siye phambili. Ngamanye amaxesha intlahla inendima eyidlalayo ebholeni ekhatywayo,” utshilo uShabba kwikhasi lomnatha leChiefs namhlanje.

Lo unyaka(2016) uyakubhalwa njengonyaka engafumenanga nto kuwo iChiefs. Nangona kunjalo uTshabalala usenalo ithemba lokuba izinto zakuthi ziphucuke ngokuhamba kwexesha. Kwiveki ezayo xa kubuywa kwikhefu ngamaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League, Amakhosi azakudlala neMamelodi Sundowns ngomhla weshumi elinesithoba. Lo ngumdlalo onokuthi unike abadlali beChiefs amandla kwidabi lokuphumelela indebe yePSL ukuba bangakwazi ukubetha iDowns elushica mvanje emva kokuphumelela iCaf Champions League kwinyanga ephelileyo.