ABafana bazingela iingonyama zaseTeranga

UAndile Jali weBafana bafana ezilolonga ePeter Mokab Stadium, kumalungiselelo omdlalo weli qela nelaseSenegal.

Amakhwenkwe kaShakes Mashaba alola izikhali zawo ngelilungiselela ukuzingela iingonyama zaseTeranga – iSenegal (kwabo bangakhanyelwanga).

ABafana Bafana babila besoma enkampini ePolokwane – apho balungiselela owona mdlalo unzima wokuzibekela indawo kwindebe yehlabathi ka’2018 ophakathi kwabo (aBafana) neSenegal ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo, ePeter Mokaba Stadium.

UMzantsi Afrika ubuyela kweli bala okokuqala ukusukela ngo’2014 – unyaka owagqibela ngawo ukudlala kwela bala ukhokelwa nguSenzo Meyiwa owagetsengwayo emva kwezo ntsuku.

Lo ngumdlalo ekunyanzelekileyo iqela likaMashaba liwuphumelele ukuba lifuna ukwandisa amathuba walo okuya kwi-2018 Fifa World Cup eseRussia.

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika alikwazanga ukuya kwi-2017 Afcon, eli lelona thuba labadlali abalifumanayo ukuze babhinqe omfutshane baphinde babonise ukuba bazimisele ukumela ilizwe labo phakathi kwezinye izizwe.

UMashaba uncwase amanqaku amathathu, oko kuboniswa yindlela alichonge ngayo iqela lakhe.

Ithemba lakhe uShakes uzakulibeka kubadlali abafana Bradley Grobler, Eleazor Rodgers, Andile Jali, Itumeleng Khne, Daine Klate, Thuso Phala nefolosi entsha egama linguLars Verswijk. KuGroup D kukhokela iSenegal ngamanqaku amathathu kulandele uMzantsi Afrika, iBurkina Faso neCape Verde.

“Kunyanzelekile sifumane impumelelo ngoba iSenegal yiyo ehamba phambili. Into esinokuzinceda ngayo ngoku kukuyibetha kuphela,” utshilo uMashaba.

Ukuba aBafana abazimiselanga kulo mdlalo bangaphulukana nawo ngoba iSenegal ayichamisi kwaye iyingozi kakhulu.

Abadlali bayo balapha ngeenjongo ezimbini; ukuzuza impumelelo okanye ukukhusela abanako engxoweni kuGroup D ukuze bandise amathuba okuya kwindebe yehlabathi.

pedro.mapelo@inl.co.za