Lisinde cebetshu kwiloli etshayise indlu yalo usapho

Umzi wosapho lakwaLouw ePort Alfred emva kokutshayiswa yiloli. Umfanekiso: Buziwe Nocuze
Lusothukile usapho lakwaLouw oluhlala kwindawo yaseHighway ePort Alfred, emva kokufika indlu yalo itshayiswe sisithuthi esiluhlobo lweloli.

UTommie Louw ongutata weli khaya uthe ilithamsanqa eyokuba bebengekho bengamalungu osapho kule ndlu ngethuba igilwa sesi sithuthi. 

Uqhube wathi,”Yimisebenzi kaMdali ukuba singabikho kuba yenzeke emva nje kwethutyana siphumile.” Watsho esithi le loli ibimise kude kufutshane nale ndlu, kwaye utsalelwe umnxeba ngabamelwane ebebenoloyiko lokuba mhlawumbi bangaphakathi kule ndlu.

Omnye wabahlali abaziboneleyo ngamehlo le ngozi uthi esi sithuthi besingenamqhubi ngaphakathi, sivele sazihambela nje sayokungena kwindlu yosapho lwakwaLouw. 

Uqhube wathi,”Ndisibone sele sihamba esisithuthi, kungekho kudala emva kokuba umqhubi waso ephumile kuso.” Uthi ukholelwa ukuba umqhubi wale loli ulibele ukutsala isiqhoboshi sesandla, nto leyo ebangele ukuba izihambele.

UYolande Louw oyinkosikazi kaTommie uthi khange bakholelwe xa befika leloli ingaphakathi kwindlu yabo, kwaye ishiye umonakalo omkhulu. Olu sapho lunamalungu amathathu,  azakufihla iintloko kwizihlobo zabo ngelixa ikampani yesithuthi esitshayise le ndlu iyilungisa.

UYolande uthe, abaphathi bale nkampani bathembise ngelithi le ndlu izakulungisa ngokukhawuleza. “Bathembisile ngelithi bazakuwuhlawula ngokukhawuleza umonakalo owenzekileyo,” utshilo uYolande.

Imanejala yekampani yesisithuthi khange ivume ukuphawula ngale ngozi. Isithethi samapolisa asePort Alfred uMali Govender uthe bazifumene zonke iinkcukacha ngale ngozi kodwa okwangoku akukabikho tyala livuliweyo.