Akayo Kumkani yamaMpondo uZanozuko Sigcau

Elinye iqela kubukumkani bamaMpondo liyazikhaba liziphikisa iingxelo zokuba uKumkani uZanozuko Sigcau yikumkani esemthethweni yesizwe samaMpondo.

Oku kuvele emva kokuba kukho iqela elidize isicwangciso salo sokuba lizakucela ukungenelela kukarhulumente ukuze kukhawuleziswe inkqubo yokubekwa kukaZanozuko njengekumkani.

Othethe egameni leli qela lichasene noZanozuko uStella Sigcau wesibini uthi abathandabuzi ukuba uZanozuko Sigcau akayiyo ikumkani esemthethweni yesizwe samaMpondo.

“Asigungqi kwelokuba uZanozuko akayiyo ikumkani yamaMpondo ngokwasemthethweni, ngokwesiko nangokomgaqosiseko welizwe loMzantsi Afrika, iKumkani esemthethweni ngokwesiko lamaMpondo nguJongilanga Sigcau,” uthethe oko uStella Sigcau.

Uthi inkundla yalichitha ngokucacileyo ibango lobukumkani elalisenziwa nguZanozuko ngonyaka ka-2013. Kwelinye icala iqela elixhasa uZanozuko lithi ngokungqinelwa yikomishoni kaNjingalwazi Thandabantu Nhlapho nangokolwazi lwabo beziingwevu nguZanozuko oyikumkani esemthethweni.

UStella uthi eli qela lithetha ulwimi etywaleni xa lisithi limele isizwe samaMpondo ngokubanzi, koko liqela elisetyenziswa ukuzalisa iimfuno zabantu abathile.

“Aba bantu asibazi abamelanga thina sisisizwe samaMpondo, abamelanga isiko nezithethe zamaMpondo ngoko ke abanakunyanzela isizwe samaMpondo ngomntu abambiza ukuba uyikumkani,”ucacise watsho uStella Sigcau.

Uthi ubukhosi bukhokelwa ngamasiko nezithethe esizwe ngokomnombo ocacileyo wesizwe eso. “Indibano yezindlu zonke zamaMpondo ibanjiwe ibizinyaswe yindlu kakumkani Marhelane, Mqikela, Sigcau, Faku noNgqungqushe.

“Loo ndibano yavumelana ngazwinye ukuba uJongilanga Sigcau yikumkani esemthethweni ngokungqinelwa ngumthetho olawula imicimbi yemveli,”utsho uStella Sigcau.

Ukanti iinkosi ezahlukileyo emaMpondweni zithi akayo kumkani uZanozuko Sigcau ngokwesiko nangokomthetho.

UNkosi Zukisani Ndamase othethe egameni lekumkani yamaMpondo aseNyandeni uNdamase Ndamase uthi liyaphazama iqela elixhasa uZanozuko Sigcau.

“Yimpazamo enkulu le yenziwa ngaba bantu, amaMpondo awathethelwa ayazithethela xa kukho ingxaki efana nale, ngumhlola ukuba kubekho umntu oxoxa into eyasonjululwa kudala yinkundla ephakamileyo,” uthethe oko uNdamase.

UNkosi uDuke Madikizela wamaMpondo aseNgqeleni uthi naye akathandabuzi ukuba uZanozuko akayo kumkani yamaMpondo esemthethweni.

“Ayikho le nto ithethwa ngaba bantu nabo bayayazi lo nto, inyaniso kukuba umdla wabo ukushishino oluza nale nkqubo yaseWild Coast nalo mgodi waseXolobeni,” utshilo uMadikizela.

UNkosi Ngwanya Mhlekwa uthi bayazi kakuhle imbali yamaMpondo akukho bani unokuphinda abaxelele into entsha ngembali yesa sizwe.

“Sizakumhlaza lo mfo kuthiwa nguZanozuko kudala simamele le nto bayithethayo, sizakusuka simxelele ukuba uzelwe njani, ezalwa ngubani, kukho isizathu esijinga phezu kwala ndlu azalwa kuyo uZanozuko, ukuba uyasiqala sizakusuka sixelele ilizwe eli ngendlela abazalwe ngayo kula ndlu yako wabo,” ucacise watsho uMhlekwa.

siyabulela.mqikela@inl.co.za