Kuphinde kwatshiswa kuNowalala

ZIYAQENGQELEKA iintsuku ulwamvila lokutshiswa kwemizi ngabantu abangaziwayo luyanzula, kwilali yakuNowalala kuWadi 4 kuNtabankulu.

Olu qhankqalazo selungenelelwe nazezinye iilali eziyinxalenye yale Wadi. Sekuqengqeleke iinyanga uqhubeka lo mbhodamo, amapolisa engabambi mntu, kwaye abahlali bathi baxhalabile kukutshiswa kwemizi okuqhubekayo.

Mine imizi ebonwe ivutha amalangatya kwiziganeko ezahlukeneyo ngokuhlwa kwangoLwesithathu kwiveki ephelileyo, kodwa kwangabonwa mntu utshisayo. Ukanti ngeCawe kuphinde kwatshiswa eminye imizi emithathu ekuvakala ukuba abaniniyo bayinxalenye yoqhankqalazo.

Obesakuba nguceba wale Wadi uLinduxolo Ntanteni udutyulwe izihlandlo ezingaphezu kwesihlanu. UNtanteni uthi kumothusile oku kuba uzigqibele enobudlwelwane obuhle nabahlali. Ukwathe wazikhupha kuqhankqalazo kuba engafuni ukuba kuthiwe ulwela isikhundla.

Elinye lamaxhoba omlilo uSantukayi Mali uthe: “Ndibindekile ngomzi wam kuba andazi ukuba utshiselwe ntoni. Ndithembe ukuba umthetho uzakudlala indawo yawo ubuveze ubunyani bale nto kuba kunezityholo ezithi mna namanye amaxhoba sihambisana noceba ongafunwayo. Mna ke andihoyanga napolitiki kodwa ndizibona ndilixhoba kwaye urhulumente akenzi nto ngalo nto.”

UMali uthi weva ivumba lomsi ekwigumbi lokulala, wacinga ukuba akucinywanga sitovu, kodwa uthe akuphakama eyokuqwalasela wabona ngelithakazi, wavusa abantwana kwazanywa ukucinywa umlilo. Izindlu ezintathu zatsha kwaphela, kwasala ooronta abadala ababini nabarhawukayo.

Uthi, abantwana bakhe badinga kwa impahla yesikolo. UNofikile Mtyhuthuli uthe amaxhoba akutsha nje ngabantu abangenandima kupolitiko olugqubayo kula lali kwaye zange bahlala zintlanganiso, bengeyonkxalenye yonqhankqalazo.

Ukwathe bathembele kumapolisa ukuba afumane ubungqina obuzokhokelela ekubanjweni kwabenzi bobubi.

“Uqhankqalazo luyaqhuba apha kwaye akuqali ukutshiswa kwemizi, kodwa le mizi yakutsha nje ayinanto yakwenza nepolitiki,” utshilo uMtyhuthuli.

Olu qhankqalazo lungena kwinyanga yesithathu lubandakanya ukruthakruthwano phakathi kweenkokeli zeANC zasekuhlaleni kunye nabahlali emva kokungoneliseki nguceba owaphumelela kulonyulo kweyeThupha.

Othethela amapolisa kule ngingqi uKhapteni Mlungisi Matidane uthe lo mcimbi usaphandwa kuzakubanjwa abantu kwakufumaneka ubungqina obububo ngeziganeko zonke.

isibhalo@inl.co.za