Amaziko emfundo ephakamileyo abucala

“Siceba ukuvula iiyunivesithi zabucala! Kwaye singaqala nakulo nyaka uzayo!” kutsho umhlobo osebenza kwinkampani ephethe eza zikolo zingooCurro kweli loMzantsi Afrika.

Ngoko yayiyincoko nje, zange ndiyihoye. Ndizokothuka ngeCawa xa ndiyibona emaphepheni ukuba yinto abaceba ukuyenza nyani le. Amen!

Abafundi bebakala leshumi elinesibini baqale ukubhala kule veki. Bebhala nje kukho nombuzo onkenteza kwiintloko zabazali. Phofu nabo abafundi akunokube kanti abazibuzi lo mbuzo. Njengokuba kubonakala ukuba imfundo kwiiyunivesithi ime ngxi bazakuyaphi abaphumelele ibakala leshumi elinesibini? Ewe, iiyunivesithi ziyazama ukuba kuphele lonke olu qhankqalazo izinto zibuyele kwisiqhelo.

Besiba nathi kwakube kukho inzolo ngoku kodwa nabo abantu ekurhanelwa ukuba ngabafundi betshisa iimoto kwiiyunivesithi ezimbini eKapa naseRhawutini. Kwezinye kumane kungena abafundi baphazamise izifundo. Kodwa kuzanywa ngandlela zonke ukuba imfundo iqhubeke.

Lithuba ke eli. Ukuba uneempokotho ezinzulu okanye usebenzela inkampani enokukwazi ukutyala imali kwezemfundo yintoni enokuninqanda ekuvuleni amaziko emfundo ephakamileyo abucala?

Iiyunivesithi zabucala? Kukho abantwana abafunda kwizikolo zamabanga aphantsi ezixabisa into ephakathi kwamawaka angama-100 000 ukuyokutsho kwangama-200 000 ngonyaka ngoko ke iiyunivesithi zabucala zingakwazi ukubathatha baqhubeke ngemfundo abo. Apho ibuhlungu khona kusekubeni abo basuka kumakhaya angakwaziyo ukuhlawula iimali ezingaka bakuxinga kule mfundo yeeyunivesithi zikawonkewonke.

Ukuba zakube zisekhona basakugqiba ukuzitshisa. Noonjingalwazi kunye nabanye abasebenzi beeyunivesithi bakubaleka bayokucela ingqesho kwezi yunivesithi zabucala. Ashiyeke nabani umntwana wehlwempu?

Silumkele ukuba le mfundo yasimahla ifike sele kwa ezo yunivesithi zingenalo nexabiso kwaye abo babone ithuba bekwazile ukuqala amaziko abucala.