Bathatha umhlaba ngenkani eQuzini

Ingxaki zokunqongophala komhlaba kubemi boMzantsi Afrika kubangela ukukhula kweziganeko zokuthathwa komhlaba ngokungekho mthethweni.

Ngabahlali abathandathu baseQuzini eQonce abazakuvela enkundleni kamantyi ngomhla wama-29 kweyeNkanga ngezityholo zokuzithathela umhlaba besakha amatyotyombe.

Othethe egameni labahlali abathathe lo mhlaba uPhumelele Nzimeni uthi balahlekiswe nguLindelwa Ntamo obefuna ukuba nguceba ukuze bangene kulo mhlaba ngokungekho mthethweni.

“Asikhange sizithathele lo mhlaba, kuze kuthi uLindelwa Ntamo obefuna ukuba nguceba phaya phambi kolonyulo esithi kuthi masihlale kulo mhlaba simvotele senze lo nto thina ngoku kubanjwa thina,”utsho uNzimeni.

Ebutsheni balonyaka umongameli weli uJacob Zuma wathi, uMzantsi Afrika awunakuliphumelela idabi lokulwa indlala, intswelo ngqesho nokungalingani kwabantu bengawunikwanga umhlaba.

UNtamo uyaziphika ezi zityholo esithi akazani nayo le nto ithethwa ngaba bantu bazithathele umhlaba.

“Ndandifunile kona ukuba nguceba weCOPE kodwa andizange ndibize bantu ukuba bangene kula mhlaba ngolu hlobo benze ngalo, bathetha into engekhoyo,”uzithethelele ngelo uNtamo.

Ukuthathwa kwalo mhlaba kubangele ukwahlukana phakathi kwabahlali bala ndawo kukho abo bahambisana nokuthathwa kwawo logama abanye bengavumi ukuba usetyenziswe.

Umhlali ocele singalikhuphi igama lakhe uthi abakwamnkeli ukusetyenziswa kwalo mhlaba leli qela kuba banenjongo ngawo.

“Le ndawo sifuna ukuyisebenzisa kuphuhliso kwakhiwe into ezakuguqula intlalo yabantu bonke bale ndawo kungakhiwa amatyotyombe,” uthethe oko umhlali.

Ukanti uNzimeni othethela abahlali uthi ibingasebenzi le ndawo phambi kokuba bayithathe.

“Le ndawo ibingasebenzi kwaye thina sidinwe kukuxinana ezindlini zabazali bethu sifuna indawo zethu ngoku silindele ukuva inkundla izakuthini asibuyi ngamva,”utshilo uNzimeni.

UNolwazi Kabeni uthi yena udinwe ngabantwana bakhe abaninzi waza wathatha isigqibo sokuba abasikele indawo zabo kulo mhlaba.

“Owam unyana unenkosikazi kodwa uhlala nathi ngoku, ndifuna ukuba baphume endlini bazihlalele bodwa endaweni yabo, ndiwuthathela lo nto lo mhlaba,” utshilo uKabeni.

Uceba walandawo uSiyabonga Skolo uthi sisiganeko sesibini esi sokuthathwa komhlaba ngabahlali balandawo.

“Sinetyala labantu baseTyutyu kwalapha ewadini abathathela kubo umhlaba ngokungekho mthethweni. Esi sisiganeko sesesibini esenzekileyo, sixhalabile ngenxa yezi ziganeko kuba zithelekisa abantu bohlukane phakathi,”utshilo uSkolo.

Isebe lezemihlaba elibambise aba bahlali alifumanekanga phambi kokuba siye kushicilelo.

siyabulela.mqikela@inl.co.za