Zamkelwe ngovuyo iintshatsheli ze-Afrika!

Amawaka-waka abalandeli bayamkele ngodlwabevu lwengoma iMamelodi Sundowns ekugalelekeni kwayo e-O.R.Tambo Airport emva kwekuthwalisa isithsaba njengeentshatsheli zezwekazi le-Afrika.

Umsitho wokwamkela iintshatsheli ubuzinyaswe nguMphathiswa weZemidlalo noLonwabo umnu. uFikile Mbalula, inkulumbuso yaseGauteng umnu. David Makhura, usihla wePSL ugqirha Irvin Khona, usihlalo weSundowns uPatrice Motsepe nezinye. IMamelodi Sundowns iphakamise indebe yeCaf Champions League okokuqala embalini yayo. Ilandela ekhondweni le-Orlando Pirates eyabuya nale ndebe ngo’1995. Amasandawana ayivuthulula ngo’3-0 iZamalek kumdlalo wokuqala, kowesibini iqela laseYiphutha liphumelele ngo’1-0 – kodwa lo nto ayikwazanga ukulinceda.

Bazakwabelana ngemali engaphaya kwezigidi ezingamashumi amabini eerandi (R20.9-million) abadlali beDowns abayiphumelele kwiChampions League.

Ngaphezulu kwaleyo umphathiswa wezemidlalo, uFikile Mbalula, unike abadlali beli qela amakhulu asixhenxe amawaka eerandi(R700 000). “La ngamajoni ngoba balwe imfazwe. Siyanibulela ngokusenza sizingce eMzantsi Afrika,” utshilo uMbalula.

Umqeqeshi weSundowns, uPitso Mosimane, ubulele bonke abantu abaxhase iqela lakhe ukusukela ekuqaleni kohambo leqela lakhe kwiChamps League, watsho esithi abadlali bakhe bafuna ukukhusela iTelkom ngoku.

“Ndiyabazi abadlali bam bafuna ukukhusela iTelkom,” utshilo uPitso. Amasandawana adlala nePolokwane City umdlalo weTelkom namhlanje (ngoLwesine). “Sifuna iCaf Super Cup ngoku, kulo mdlalo singadibana neTB Mazembe okanye nelinye iqela. Lo mdlalo uza apha kuthi. Ndiyanibulela Masandawana ngokusiculela nokusixhasa. Xa nicula nathi siyanilandela phaya ezitulweni. Bekumnandi ukuba nani eYiphutha,” utshilo uPitso.

Ngoku iqela likaJingles lizakuthi lilungiselele iFIFA World Cup Club ezakube iseJapan phambi kokuphela kwalo nyaka.

Ngumqeqeshi wokuqala ophumelele indebe ye-Afrika kweli lizwe uJingles – kwaye ngoku ufuna ukuzigxama kumaqela amakhulu ehlabathi xa izakube imele izwekazi le-Afrika.