UMkomishinala uqhwabela izandla amalungu ebutho lakhe

UMKOMISHINALA wamapolisa aseMpuma Koloni uLieutenant-General Liziwe Ntshinga uwuqhwabele umsebenzi wamapolisa emva kokuba ifunyenwe ingonzakalanga inkosikazi ebixhwilwe kwilokishi iMoses Mabida eKirkwood kufuphi naseBhayi ngokuhlwa kwangeCawe.

 

Iingxelo zithi inkosikazi eneminyaka engamashumi amathandathu ananye ibizonwabele idlala nenja yayo eMoses Mabida ngethuba kugaleleka amadoda amathathu athe afuna imali kuyo.

 

“Bathe xa befumanisa ukuba ayinayo imali, baqweqwedisa isithuthi sayo sohlobo leVW Golf emva koko bayinyanzelisa ukuba ihambe nabo ngesithuthi eso sayo. Baqhube le moto besingise kwindlela eya ngase-Addo apho le nkosikazi iye yanyanzeliswa ukuba ikhuphe imali kwimatshini (ATM), bandula ukuya kungena eBhayi,” utshilo osisithethi samapolisa uKapteni Gerda Swart.

 

USwart uthi ngethuba besathenga kwivenkile ethile eBhayi abarheme, amapolisa aKwaDwesi eBhayi aqaphele ukuba into engaqhelekanga apha kubo.

 

“Xa amapolisa ezama ukuqonda, abarhanelwa bavele bangena emotweni bayibetha yancinci besingise ngaseTinarha. Ngelo thuba ke izithonga zemipu ziye zatsho macala – kubarhanelwa nakumapolisa. Abarhanelwa bade babe bayafunyanwa ngakwindlela iCuyler Manor, babanjwa ababini wabaleka owesithathu. Akekho umntu othe wonzakala kolu dubulwano,” utsho uSwart.

 

USwart uthi umrhanelwa wesithathu, indoda eneminyaka engamashumi amabini anesibhozo, ubanjwe ngoLwesithathu.

 

Abarhanelwa uThembela Bele (32) noChumani Buqani (24) bavelile kwinkundla kamantyi eKirkwood kule veki. Umrhanelwa wesithathu bekulindeleke ukuba avele enkundleni ngoLwesihlanu. Ityala laba babini, abasekuvalelo lamapolisa, limiselwe umhla wesibini kwinyanga ezayo.