bazakuvela kwinyanga ezayo abarhanelwa bakwa-Exact

Abahlali baseMthatha phambi kwevenkile yakwa-Exact, ngethuba ekwabanjwa ngalo isibini sabarhanelwa

LIMISELWE umhla we07 kweyeNkanga ityala labarhanelwa ababini abachazwe njengabanobungozi nabatyabekwa uthotho lwamatyala aquka ukuzama ukubulala, ukuxhomisa kuxhotyiwe nokufunyanwa nompu neembumbulu ngaphandle kwemvume.

Esi sibini sabanjwa ngethuba sixhomisa ivenkile yakwaExact ekwisitalato iSurtherland eMthatha ngomhla wesibhozo kwinyanga ephelileyo. 

Kweso siganeko amapolisa adubula abulala omnye wabarhanelwa kudubulwano phakathi kwawo naba barhanelwa. Abarhanelwa uAndile Makhathini (30) noSifiso Mngadi(44) bavele enkundleni yamatyala eMthatha kwiingxoxo zesicelo sebheyile.

Igqwetha labarhanelwa uFanie Slabbert uxelele inkundla ukuba wenze isivumelwano sokumiswa kweli tyala nomtshutshisi uThembisa Ntloko ongafikanga enkundleni ngenxa yengxaki yekhaya. UFanie Slabbert uthi wonelisekile kukumiswa kwelityala kuba umtshutshisi umtsalele umnxeba kwangexesha bavumelana ngomhla wesiXhenxe kwinyanga ezayo.

Ngokwengxelo yomphandi weli tyala uSajini Siyanda Lumeza, abarhanelwa bazakongezelwa amanye amatyala xa bebuyela enkundleni. 

La matyala aquka ukubulala, ukubetha ngenjongo zokwenzakalisa umzimba ngokumasikizi, namanye. Ukwathe, uphando ngakwelityala sele luqoshelisiwe. 

Amapolisa afumana oonomyayi abangamashumi amabini, isixa mali, imipu emithathu emifutshane , iimagazini ezintathu neembumbulu eziyi-31 kunye namakhoba embumbulu eR-5 kwindawo yesiganeko,ngethuba ebanjwa aba barhanelwa.  Bonke abarhanelwa  basuka kwindawo yakwaMashu eThekwini.