‘Ndiza kusibambisa isibhedlele saseNgqushwa’

UMawethu Nyawula waseNgqushwa othe wanikwa iipilisi ezingangqamelani nempilo yakhe ekliniki ekunye nomama wakhe uVuyelwa Nyawula umfanekiso: Sithandiwe Velaphi

Uzakubambisa isibhedlele saseNompumelelo eNgqushwa uNobuntu Nyawula ngezityholo zokutyisa unyana wakhe onesifo sokuwa uMawethu Nyawula (23) ipilisi ezingamfanelanga.

Lo mama uthi unyana wakhe wahlaselwa sesi sifo eneminyaka mibini ezelwe. “Ndikwiphulo lokubambisa esa sibhedlele kuba uMawethu ugabhe ubofu ixesha elide emva kokuba bemtshintshe iipilisi ebekade ezisebenzisa, akaboni nangamehlo ngoku ngenxa yezo pilisi,” uthethe oko uNyawulo.

Ingxaki kaMawethu iqale emva kokuba wathi wafunyanwa sisifo sokuwa ngomhla wamashumi amathathu kuCanzibe ngo-2015, waza wathunyelwa kwesa sibhedlele sidume ngeentlekele.

“Baye bamamnkela ukuba alale phaya esibhedlele waza waphuma ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kweyeSilimela, kulapho afike wagabha ubofu apha endlini ndabuthatha ndabugalela embodleleni ndisiya kubuza kugqirha, wazothusa wathi akayazi ukuba yintoni,” ucacise watsho uNyawula.

Uthi yonke lento ibangelwe kukutshintshwa kwepilisi ebezityiswa esi sigulana sakhe. “Bamtshintshe kwiipilisi ekuthwa yiPhenobiphine bamtyisa iipilisi ekuthwa yiPhenothon ngenxa yokuba uye waxhuzula akayeka. Kuyacaca ukuba ezo pilisi zombini zange zimncede bamtshintsha bamtyisa iTegrotol, nekuyiyo embangele ukuba agabhe ubofu, aphume izilonda emzimbeni nalapha ebudodeni bakhe,” utshilo uNyawula.

Esi sibhedlele siyazana namanyundululu okubhubha kwabantu ngenxa yengxaki enye yokutyiswa kwabo amayeza angafanelekanga.

Ngenyanga yoKwindla kunyaka ophelileyo, kwesa sibhedlele kubhubhe uSindiswa Koyana owayeminyaka ingamashumi amathathu kunye noPhindiwe Mkatali kwangenxa yokuhlatywa ngenaliti engabafanelanga.

Esi siganeko sabangela ukungenelela kwesebe lezempilo nalapho kwathi kwanqunyanyiswa umongikazi ngenxa yokubhubha kwesi sibini.

“Emva kokuba beqalile ukumtyisa leTegrotol ngomhla wamashumi amabini anesine kweyoMnga ngo-2013 ndafika ebotshelelwe ebhedini ngebhandeji limsikile litshone apha enyameni, bandixelela ukuba ubetha abantu, kusitsho unesi ekuthiwa ngu Sister Kato, ndaye ndamthatha ngenkani emva koko,” utshilo uNyawula.

Ipilisi yokugqibela athe yatyiswa uMawethu yiTegretol, ichazwe ngelokuba inobungozi xa ithe yanikwa umntu ekungafanelanga ukuba ayitye. Ezinye zeengxaki ezibangelwa leli chiza (Tegrotol) kukubetha kwentliziyo ngokungafanelekanga ikhawulezisa okanye ihambe kancinci, izilonda emzimbeni, amehlo atshisayo okuye kukhokelele ukuba ixhoba lingaboni.

“Ndisafumana ingcebiso kwiKhula Childrens Rights ngeyona ndlela ndimele ukuyilandela xa ndibambisa esi sibhedlele. Ndifuna bahlawule ngomntwana wam,”uthethe watsho.

Uthi imifanekiso eyathathwa ngugqirha ngexesha umzimba womguli wawuzele izilonda ayizange idizwe kuba yayibonisa umenzakalo owenzeka kwelixhoba ngenxa yeTegratol.

“Akaboni ngamehlo,akakwazi kuzihambela ngokwakhe zipholile zona izilonda kodwa apha ebudodeni bakhe uchiza ubofu,” utshilo, ekhathazekile uNyawula.

Njengesiqhelo isithethi sesebe lezeMpilo eMpuma Koloni uSiyanda Manana akafumaneki emnxebeni wakhe ukuze anike impendulo kwezi zityholo, lo gama abaphathi besibhedlele besithi abanakuthetha namajelo endaba.

Ziikliniki ezingamashumi amabini anesithathu ezithumela abantu bazo kwesi sibhedlele esineebhedi ezilikhulu namashumi asibhozo.