UMhlongo ugxeleshe iTelkom Knockout

Unozinti we-Orlando Pirates, uBrighton Mhlongo, uthi iqela lakhe lizimisele ukuphumelela kule veki ukuze liqinisekise ukuba unyaka wamashumi asibhozo lasekwayo uvalwa ngesitayile.

AmaBhakaniya aqubisana neGolden Arrows kumdlalo weTelkom Knockout ngentsimbi yesithathu emalanga ngeCawe e-Orlando Stadium.

IPirates isediki-diki kwimidlalo ye-Absa Premier Soccer League – kodwa izimisele ukutshintsha izinto ngokwenza kakuhle kolu khuphiswano.

Abafana Besithende baya kulo mdlalo bezithembile kakhulu emva kokudlala ngendlela encomekayo kwimidlalo yePSL kule sizini entsha – kodwa ngelishwa badibana neqela elilambele impumelelo emva kokuphuncula iMTN8 kwinyanga ephelileyo.

“Sizakube sidlala neGolden Arrows ngeCawe. Thina sizimisele ukuphumelela kulo mdlalo ukuze silibale ngeMTN8. Siyayazi i-Arrows idlala kakuhle,” utshilo uMhlongo.

Emva kokufinca isizini ka’2015/16 kungekho nto etafileni, kule isizini kunyanzelekile abadlali bePirates benze ngcono – ngakumbi kulo nyaka ubaluleke njengalo.

“Kunyanzelekile kubekho indebe esiyifumanayo. Sigqiba amashumi asibhozo eminyaka kwaye sifuna ukuwonga usihlalo wethu, uGqirha Irvin Khoza, ngokusinika ithuba lokudlalela iPirates. Siyayibulela lo nto. Yiyo lo nto kubalulekile ukuphumelela kulo mdlalo wale veki ukuze siye kumjikelo olandelayo weTelkom,” utshilo uMhlongo

Imidlalo yeTelkom ngoLwesihlanu: Highlands Park v Chippa United ngo’20:00 @Makhulong Stadium.

NgoMgqibelo: Free State Stars v Bidvest Wits ngo’15:00 Goble Park; Kaizer Chiefs v Maritzburg United ngo’20:15 @FNB Stadium; SuperSport United v Ajax Cape Town ngo’20:15 Lucas Moripe.

NgeCawe: Orlando Pirates v Golden Arrows ngo’15:00 @Orlando Stadium

pedro.mapelo@inl.co.za