UZwelonke asiyokumkani yamaXhosa onke?

IKumkani yamaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu esombathiswa nguKumkanikazi Noloyiso Sandile eNqadu kuGatyana

UMYALELO wenkundla yoMntla-Rhawuti onqwale ngokugunyazisa ubukumkani bakwaRharhabe ushiya ingxinano yemibuzo malunga nemida yomhlaba kaKumkani Mpendulo Zwelonke Sigcawu wamaXhosa jikelele.

Kule veki le nkundla iyalele ngelithi isigqibo seKomishini kaNjingalwazi Thandabantu Nhlapo sokuba akukho bukumkani kwaRharhabe asisekelezwanga kwinyaniso.

IKomishini kaNhlapo yabhengeza, ngenyanga yeKhala ngo-2010, ukuba akukho bukumkani kwaRharhabe. Ngokuhamba ngqo nesi sibhengezo, kwaye kwavakaliswa ukuba uKumkani Zwelonke yiKumkani yamaXhosa ewonke.

Ukwenziwa kwesi sibhengezo, iKumkani yamaRharhabe yayinguMaxhob’ayakhawuleza Zanesizwe Sandile owakhothama kweyeKhala ngo-2011 – unyaka emva kwesibhengezo seKomishini kaNhlapo.

Le komishini yayikwabhengeze ukuba ubukumkani bakwaRharhabe bakupheliswa mhla kwakhothama uKumkani uZanesizwe.

Ngonyaka ka-2011 amaRharhabe asingisa kwinkundla yoMntla-Rhawuti ebhena ngakwizigqibo zeKomishini kaNhlapo. Emva kweminyaka emithandathu le nyewe igquba enkundleni, isigwebo side sawiswa.

Isithethi sobukumkani bakwaRharhabe uNkosana Zolile Burns-Ncamashe uthe: “Sonwabile futhi sigcolotile emiphefumlweni.”

“Lo myalelo uqinisa amaqhele kwibali nembali endala yobukumkani obuzimeleyo bamaRharhabe ukusukela ngeminyaka yoo-1700. Sisoloko sibugcinile ubudlelwane obukhoyo phakathi kwethu nendlu yakowethu yakwaGcaleka njengezindlu ezizalwa nguPhalo.

“Noxa sibugcinile obobudlelwane, siyayazi eyokuba ubuRharhabe buzimele bubukumkani obubobabo, ayibobukumkani obucuntsulwe kobunye. Kukho ukuhloniphana phakathi kwezi zindlu (uGcaleka noRharhabe) obulawulwa lisiko, hayi uNhlapo okanye urhulumente,” utshilo uBurns-Ncamashe.

“Izakhono zabantu (beKomishini kaNhlapo) ababethwaliswe uxanduva lokuphica ezo zintsompothi zobukumkani bamaRharhabe ziyathandabuzeka ubunyulu bazo. Masiyivume inyani yokuba ububhatya nobutyhakala ekwathi kwaphathwa ngawo lo mcimbi kushiya imibuzo kuneempendulo.

“Ubukumkani bamaRharhabe buvunywa ziinkosi zonke eziphantsi kwesi sizwe zinganyanzelwanga, into ekunayo kuvele kwathi gqi izaphuselane zaphukaneka zathi yinkosi le (Maxhob’ ayakhawuleza). Lo nto siyibona njengento ebonakalisa ubuthovu,” kutsho uBurns-Ncamashe.

UBurns-Ncamashe uthi iKomkhulu lamaRharhabe eMngqesha eQonce lizakubiza indibano kwiveki ezayo ukungqubanisa iintloko neenkosi kwaneenkosazana zesi sizwe malunga nesi sigwebo.

Ethetha malunga nomhlaba wobukhosi bakwaRharhabe, uBurns-Ncamashe uthi umda wesi sizwe uqala eNciba uguguthe uyokuma eNtshona Koloni. La mazwi kaBurns-Ncamashe ayaphikisana neentetho zasesidlangalaleni zikaKumkani Zwelonke.

UZwelonke uhlala esithi akayoKumkani yamaGcaleka (Dutywa, Gatyana, Centane) nje kuphela koko uyikumkani yamaXhosa jikelele.

UZwelonke ukwabanga ngelithi umhlaba wakhe uqala eMzimkhulu uyokuma eKapa.

UMongameli Jacob Zuma ekunye nomphathiswa wemicimbi yeeNkosi uDes Van Royen bayalelwe nguJaji Vuyelwa Tlhapi ukuba bahlawule iindleko zenkundla kwanezo zamagqwetha abechongwe ngamaRharhabe.

Noxa nje uBurns-Ncamashe egxininise kaninzi ukuba bamxelele uKumkani Zwelonke Sigcawu malunga nesisigqibo, iKomkhulu likaZwelonke alibonakalisanga kuwazi lo myalelo wenkundla.

Ethetha nephephandaba osisithethi sikaKumkani Zwelonke uNkosana Xhanti Sigcawu uthe: “Asifuni kuphefumla kakhulu kule nyewe. Kumba wemida, iKumkani (Zwelonke) yayithetha ngokuphandle eyokuba ilawula amaXhosa jikelele ngethuba yayisombathiswa eNqadu kuGatyana kunyaka ophelileyo.”