UHAMBO: Inde indlela esingise kwelaseMalawi

USiya Madondile eseBotswana

Uhambo lwam lwaqala ngomhla we-12 kwinyanga yeSilimela. Ndandisingise kwilizwe laseMalawi – kodwa indlela yam yadlula eRhawutini. Amazwe endiwatyeleleyo kwezi nyanga zidlulileyo aquka iBotswana neZambia.

BOTSWANA

Xa uhambele eBotswana kuyafuneka uwubambe umthetho wendlela, yinto leyo endayibambayo kwiintsuku ezimbalwa ndifikile kwela lizwe.

Ndibuye ndifumene umdliwo weP400.00 ngenxa yobeka umthwalo kwizitulo ezingemva kwisithuthi endandisiqhuba.

Inyama yangaphandle ayingeni eBotswana kwaye xa ungena usuka eZambia, kuye kuthiwe yosula izihlangu kwindawo efakwe iyeza elikhusela isifo sochwane.

Eyona nto ndiyithandileyo kwiindawo zolala zaphaya yile: ufika zikhona iidyasi zomkhwenyana. Enye into enika umdla kukuba xa kuchetywa ingca kusetyenziswa izandla endaweni yemitshini. Ngalo ndlela kudaleka imisebenzi.

IBotswana ineengonyama ezininzi kakhulu, kangangokuba abantu abaqhuba izigadla badibana neengxaki xa bethe abakwazi udlula kwiBorder yaseBotswana. Into eziyenzayo iingonyama kukuphazamisa imithwalo yabantu. Andiqondi ukuba zineendawo ezivalelwa kuyo ngoba uthi uhamba nje ube udlula kuzo ecaleni kwendlela.

Ndiye ngethuba abantu belalizwe bebhiyozela amashumi amahlanu [50] yeminyaka yenkululeko. Kwindawo nganye endihambe kuyo eBotswana bendifika kuthengiswa izikipa zeqela lesizwe laphaya.

ZAMBIA

Indawo endiyibone ubuhle kakhulu yiLusaka.

Imali yaseZambia inamandla kunale yalapha eMzantsi Afrka, ayohlukanga kwiPula yaseBotswana. Ingxaki endithe ndayibona kunqaba kweendawo zokutha amafutha ezithuthi. Uhamba umgama omde phambi kokuba ufumane indawo yokutha amafutha.

Khange ndibone mntu ongqibayo okanye ofuna imali kubakhenkethi. Ngamajoni abantu endiqaphele ukuba bathanda imali. Intsokolo iyabonakala kwela lizwe xa udlula ngendlela emaphandleni.

Xeshikweni ndindwendwele eZambia, abantu bebexakekiswe lunyulo lukaRhulumente. EKubuyeni kwethu safumana ithuba lokundwendwela iingxangxasi ekuthiwa yiVictoria Falls.

MALAWI

Amagosa endlela athanda kakhulu imali, sasokoliswa kakhulu ngamagosa endlela eMalawi. Enye into endayibona inobunzima ngamagosa angathethi siNgesi nesininizi sabahlali. Ixesha elininzi kufuneka uhamba nomhlali waphaya ukuze ibenguye okuthethelelayo.

Xa umntu elaliswe esibhedlele kufuneka kubekho umntu osisihlobo ozakuphekela umguli. Kuthiwa ukutya kunqongophele. Nokutya oko kufuneka abantu batheze.

Eyona indothusileyo kukubona ooMama bechama beme ngenyawo.

Ndityelele iMalawi izihlandlo ezisibhozo – kodwa utshintsho alubonakali. Kulo unyaka ndibe nethuba lokundwendwela indawo abekwe kuyo umongameli usuka ngo-1966 ukuyoma ngo-1994, uDr Kamuzu Banda.

Kuwo wonke la mazwe angetla, kwiindawo zolala ufika kukhoo ubuso boomongameli besizwe ngasinye. Kwamanye kula mazwe angetla kubekwa ubuso booMongameli abasele bathatha umhlala phantsi. Into ongasoze uyibone kweli lethu ilizwe.

EMzantsi Afrika ubona ubuso boomongameli kwizakhiwo zikaRhulumente kuphela.