UKathrada uzakuxhasa uGordhan enkundleni

IGQALA lomzabalazo uAmhed Kathrada uthi uzakuxhasa umphathiswa wesebe lezimali kweli
uPravin Gordhan xa eqalisa idabi lakhe lokungena enkundleni kwinyanga ezayo. 

Lo
ka Kathrada uthi uzakuba esenkundleni yenqila yase Pitoli kwinyanga ezayo esiya
kuxhasa uGordhan xa ezakuba ejamalene nezityholo zobuqhophololo.
IKathrada Foundation ingene ixhasa eligqala ngelithi lonke uluntu loMzantsi
Afrika maluphume liye kuxhasa uGordhan,Ivan Pillay kunye noOupa Magashule xa
bevela enkundleni. 

UKathrada uthi unethemba lokuba amalungu ebhodi eKathrada
Foundation aquka uDerrick Hanekom, uBarbara Hogan, uMax Sisulu noKgalema
Mothlante bazakuba yinxalenye yenkokheli ezi zakuba senkundleni ukuxhasa
uGordhan.

 Oku konke
kuza emva kokuba iGunyabantu lezoTshutshiso kweli lithe labeka
isityholo sobuqhophololo ngakuGordhan. Intloko yeGunyabantu
lezoTshutshiso uShaun Abrahams uqinisekise ukuba lo kaGordhan
uthunyelelwe umsila wengwe ombizela enkundleni kwinyanga ezayo ukuze
aziphendulele kwizityholo zobuqhophololo.

Isigqibo seKathrada Foundation silandela emva kwenkxaso evekaliswe ngumbhexeshi weANC ePalamente uJackson Mthembu, nothe naye uzakuhamba noGordhan ukuya ezinkundleni.