Amakhosi neCeltic kwiMacufe Cup

Njengokuba imidlalo yePremier League isathe xha okwethutyana ngenxa yemidlalo yamazwe ngamazwe – Amakhosi neBloemfontein Celtic kulindeleke zitswantsulisane kumdlalo wetumente yosuku olunye, iMacufe, eVodacom Park Stadium ngoMgqibelo ngentsimbi yesithathu emalanga.

Nangona Isiwelele singaqhubanga kakuhle kwimidlalo yokuqala yePSL kule sizini entsha – kodwa kulindele sikhusele indebe yaso isihlandlo sesihlanu.

IKaizer Chiefs iya kulo mdlalo wempelaveki emva kokuphumelela imidlalo emithathu ilandelelana kwiPSL. Ngokuqinisekileyo iCeltic izakusebenzisa lo mdlalo ukuze ifunqule umoya wabadlali.

USiphiwe Tshabalala uthembise abalandeli beChiefs ngempumelelo ka’2-0. “Eli lithuba lokonwabisa abalandeli bethu. Kuyo yonke imidlali sifuna impumelelo,” utshilo uTshabalala.

Lo mdlalo wala maqela mabini uzakuqala ngentsimbi yesithathu.

-Pedro Mapelo