Masakhe Sonke: Kuphuhliswa izakhono zabakhi abantsundu

Abanye boosomashishini abathathe inxaxheba kwinkqubo yofukamiso leMasakhe Sonke.

“Ukuze sikwazi ukwakha sonke, kufuneka sikwazi ukuma sonke!” lawo ibingamazwi kamphathiswa wezoqoqosho ephondweni, uSakhumzi Somyo, ngethuba enika amazwi enkuthazo koosomashishini abathe bathweswa izidanga kwinkqubo kaMasakhe Sonke ngoLwesine weveki ephelileyo.

Le nkqubo yasungulwa ngonyaka ka-2013 ngumasipala waseAmathole kunye neEast London Industrial Development Zone (IDZ) ngelithi bafuna ukomeleza oosomashishini abasakhasayo kwezokwakha.

IMasakhe Sonke isebenzela uphuhliso lwezakhono zokwakha kubantu abantsundu, abafazi, ulutsha kunye nabo baphila nenkubazeko.

Obemele isithili waseAmathole, uLaverne Jacobs, wongeze ngelithi: “Emva kokubona ukuba abantu bakuthi abathathi nxaxheba ngokupheleleyo kwezoqoqosho lezwe lethu, saqonda ukuba masincede. Umqulu wenkululeko ucace gca kumba wokuba ngubani omakaxhamle kwezoqoqosho kweli. Imeko imaxongo ngakumbi apha eAmathole ngoba sisenengxaki yobuhlwempu enkulu. Ndiyavuya ke xa nathi sikwazile ukuba nesandla ekuqeqesheni aba somashisini.”

Ukanti nosodolophu kamasipala ombaxa weBuffalo City, uXola Pakati uyivuyele le nkqubo esithi inceda kakhulu ekulweni intswela-ngqesho, ubuhlwempu kunye nokungalingani.

Abakhi abangamashumi amathathu anesine bawongwe ngezatifikethi zabo zokugqiba iminyaka emithathu kule nkqubo yofukamiso eELIDZ.