Idabi lemfundo malingaqal’ esiqwini!

Umhla nezolo iyavakala loo ntsholo yephulo lemfundo esimahla isithi, “#FeesMustFall (#Phantsi ngemfundo ehlawulelwayo)!” Usaphulaphule leyo uyive loo ndimbane yemanyano imoya-mnye yabafundi ivumela phezulu, ngasandi sinye, ngazwi linye kubethwa nangesingqi esinye isithi, “Asinavalo, asinavalo, sisebenza kanzima!”

Ngalo lonke elo xesha umkhwazo mnye, isikhalo sinye, seso sokulwela imfundo engahlawulelwayo, imfundo eza kufikeleleka kubo bonke abemi beli lizwe, imfundo engakhethe sigwili nasilaca sizilambeleyo, imfundo engahlawulelwayo eyayithenjiswe isizwe soMzantsi Afrika kwantlandlolo!

Uninzi lwamaziko emfundo enomsila asavaliwe ndithetha nje, kuba umlisela nomthinjana ofunda kuwo uwavalile amasango kula maziko kuquka namagumbi okufundela. Kukhangeleka ngathi la masango namagumbi okufundela awayi kuvula, kude kube kuphunyeziwe ukuzalisekiswa kwesithembiso semfundo esimahla!

Mbombo zone kweli, abantu bayahlomla ngalo mba, bayawucubungula kwaye bayawuhlalutya, bambi bawuhla amahlongwane bevakalisa inkxaso yabo, bekwakho ke nabo bawutyakatya ngezigxeko bevakalisa inkcaso yabo.

Kwakweli qela lichasayo, bakwakho nabanye abangabafundi kula maziko emfundo enomsila, nto leyo ithetha ukuthi kukho ukungaboni ngasonye kwalapha ebafundini.

Inkangeleko kwanamaveza-ndlebe ke zibonakalisa ukuba owona mthamo uthe kratya, ngabo bazibandakanye nedabi lokulwela imfundo engahlawulelwayo kumaziko emfundo enomsila kulo lonke eli loMzantsi Afrika.

Oku ke kuthetha ukuba abo bangaphesheya, bakuhlala besakha umkhanyo, bazuze ke kodwa nabo kwiziqhamo zeli dabi, belwile bengalwanga!

Okunye okuvelayo nokunika umdla yinkxaso yeemvaba ezithile zenkolo, abazali abaphumileyo ukuya kuxhasa iintsana zabo, kunye nabanye babafundisi-ntsapho abafana noogoloz`edingeni boodolo-phezulu abafana nathi aba!

Abo baxhasa eli phulo bagunyazisa ukusungulwa kophando-nzulu ngendlela yokuphunyezwa kwemfundo engahlawulelwayo kwilizwe loMzantsi Afrika. Sazi sonke mabandla kaTshiwo ukuba asinto intsha le kweli zwekazi lethu leAfrika.

Esaphila umavula-kuvaliwe uMuammar Gaddafi kwelaseLibya wayiphumeza imfundo esimahla kwizwe lakowabo, wade wagqibela ngokukhupha inkuntyula yemali exhasa abantwana bomgquba kwelo laseLibya, ukuze bakwazi ukuya kufunda kumaziko emfundo enomsila abalasele ngomgangatho omhle wemfundo kumazwe aphesheya.

Simkhumbula kakuhle uvul` indlela wenkokheli ephume izandla uThomas Sankara waseBurkina Faso. Naye lo kaSankara uthe ngoku sele ekhokela ilizwe elingenazimbiwa zingakanani, wakwazi ukuhlengahlengisa inkcitho enganyanzelekanga kumasebe karhulumente, kwizigqeba zombuso nakoomasipala, ukuze loo mali ityalwe kwimfundo yabantwana belo zwe laseBurkina Faso, kwakhelwe nabantu iindawo zokuhlala.

Mawaphume amagqiza oompondo-zihlanjiwe kuyiwe nakumazwe afana neJamani; iNetherlands neCuba, kuphandwe, kuhlalutywe ukuba loo mazwe enze njani na ukuze ayiphumeze imfundo engahlawulelwayo, kuphononongwe ke emva kolo phando ukuba ingaphunyezwa okanye ingafumaneka kusini na loo mfundo ingahlawulelwayo apha kowethu eMzantsi Afrika!

Ithamsanqa lale mfundo ingahlawulelwayo ulubona kakuhle ke xa uqwalasele kumanani abantu abafumene uqeqesho kwezemfundo kuloo mazwe anemfundo engahlawulelwayo.

Umzekelo, amazwe afana neJamani neNetherlands aziwa ngokuba ngamazwe anabemi abafunde bonke. Sazi sonke ukuba uMzantsi Afrika awaneli nje kukuthumela oonyana neentombi zethu ukuba ziye kufunda kwilizwe laseCuba, ukuze bafumane izidanga zokuba ngoogqirha bonyango, koko nakweli loMzantsi Afrika, kugcwele oogqirha baseCuba nkalo zonke.

Nangona la mazwe enemfundo engahlawulelwayo, umgangatho wemfundo wawo usephezulu, kuba loo mfundo isetyenziswa ngabemi bawo ekuphuculeni loo mazwe umhla nezolo!

Sinye isicelo sam ke kodwa bantwana bomgquba, sinye isikhalo sam matsha-ntliziyo ezwe lakowethu! Ingathi kum eli dabi siliqale esiqwini, salibala ukuba nasezikolweni imbala, abantwana abancinci basakhupha iinkuntyula zemali ukuze bafumane imfundo esemgangathweni.

Khanizinike ithuba niye kwizikolo ezahlukileyo kweli lizwe, nibone usizi nenkxwaleko afundela kuyo umntwana ontsundu kwizikolo zethu ezilokishini nasemaphandleni ezilalini!

Yiyani ke ngoku kwizikolo zasemzini nokuba zikwiidolophu ezinkulu, iidolophu ezincinci okanye emaplasini, niqwalasele umgangatho wazo nize niwuthelekise nezi zethu.

Inene imeko le kufundelwa phantsi kwayo kwasezikolweni, yalatha ukuba umgangatho wemfundo ezuzwa ngumntwana ontsundu ayikazi kulingana tu kwaphela naleyo ifunyanwa ngabo basemzini, kwanabo bantsundu banabazali abakwaziyo ukumelana nemali yemfundo yezikolo zasemzini kwanezo zabucala!

Mhlawumbi eli lelinye idabi elisezayo, nelimele kukulwelwa ngabantu bambi, ingengabo abafundi abakumaziko emfundo enomsila, kodwa ingathi kum kwakuthi ukuze kulunge, idabi lemfundo engahlawulelwayo singaliqali siqwini, siliqale ezantsi ezikolweni, kulwelwe umakufanwe, umakulinganwe kwanokuxabiseka okungenamkhethe!

Ukuba senza njalo, asiyi kuzibona sinesizwe esinabemi abazibona bengabalulekanga, nabazibona behlala bethe hobothisi, oku kwamahashe evele ngeefestile emabhodlweni!