Utyelele isikolo sakhe eMdantsane uMapisa-Nqakula

Nosiviwe Maphisa-Nqakula Umfanekiso: IOL Library

Umphathiswa ojongene nomkhosi wokhuselo kweli uNosiviwe Mapisa Nqakula uzakwenza intetho ephambili
kwisikolo awayefunda kuso iMzomhle eMdantsane ngomso. Esi sikolo e
saqalwa ngonyaka ka-1966 sibhiyozela iminyaka engamashumi amahlanu sasekwayo, kwaye sivelise
oosaziwayo kwezopolitiko ngamaxesha obandlululo. 

Njengenxalenye yesi sikhumbuzo esi sikolo siqhube
imibhiyozo ngokwenza inkqubo ezahlukileyo ukusukela ngomhla
wamashumi amabini anesithandathu kule yoMsintsi. Ngomso kuzakuqhutywa umsitho
wokuvalwa kwale mibhiyozo nalapho kulindeleke ukuba uMapisa-Nqakula enze intetho
ephambili ekunye neNkulumbuso yeli phondo uPhumulo Masualle.

 UMapisa-Nqakula
kwinyanga ephelileyo utyelele esinye sezikolo awayefunda kuso iMount Arthur
Girls High eLady Frere enikisa ngoncedo olujoliswe ukubuyisa isidima seso
sikolo. “Asisuko ukuba ndikhathalela ezi zikolo bendifunde kuzo kuphela kodwa
zikhona nezinye izikolo esizincedileyo silisebe nge njongo zokugcina imbali
yazo iqaqambile,”watsho uMapisa Nqakula.